Balwa ngezikhundla abamanqindi eMpuma Koloni

Sinkenenkene isimo samanqindi aseMpuma Koloni. Kule minyaka mibini edlulileyo ibiyimbalela kwicala lamanqindi.

Kulo nyaka kuvumbuluke ukruthakruthwano phakathi kwabaququzeleli .

Ngo2016 abaququzeleli basungula iqumrhu ekuthiwa yiEastern Cape Boxing Promoters Association enjongo yayo yayikukukhulisa amanqindi eMpuma Koloni.

Kwinkomfa yalo mbutho konyulwa uAyanda Matiti (usihlalo) noThando Zonke.

Kulo nyaka, la madoda akwiinkampu ezimbini ezingaboni ngasonye.

UZonke wonyulwe njengosihlalo kunyulo olubanjwe eScenary Park kutshanje – kodwa akukacaci ukuba liza kuma kusini ulawulo lwabo ngoba ngomhla wolonyulo kwakungekho mntu omele iBoxing SA.

Bonke abonyulwa ngo2016 bebengekho, kuquka noMatiti, ekukholelwa ukuba akafuni kusuka esikhundleni nangona ixesha lakhe liphelile.

“Ndandingomnye owayeluxhasa ulonyulo eChintsa – kodwa zange sivumelane ngokuphatha iminyaka emibini. Sasithe sifuna aphathe unyaka omnye ngoba iimpephamvume zobuququzeleli zithatha unyaka. Ngoko ke akekho umntu onemvume yolawulo olungaphezu konyaka,” utshilo uZonke.

“Enye yezinto esizikhalazelayo kukuba yiXaba Boxing Promotion yodwa exhamlayo kwimali exhasa abaququzeleli esuka kwisebe lezemidlalo eMpuma Koloni,” utshilo uZonke.

Isithethi sombutho owaya kulo nyulo ngo2016, uMnu. Xolani Jamani, utyhola iqela elikhokelwa nguZonke ngobugwala nangokwenza izinto ngendlela engalulanga.

“La madoda ayikho la nto ayenzileyo. UBSA nesebe lezemidlalo kufuneka babekhona kunyulo. Bebengekhona kulonyulo lwabantu. Siza kubanonyulo ngenyanga yeSilimela ngoba ixesha leenkokheli ezazonyulwe eChintsa liphela ngoko,” uJamani utshilo.

“Ayivumelani kumgaqosiseko konke konke la nto yenziwe ngala madoda. Ndiyakuqinisekisa, kunyulo oluza kuba kwinyanga yeSilimela uza kube ekhona uBSA kwaye nguye oza kubhatala iindleko zolonyulo,” utshilo uJamani.