UKomani ufuna itayitile yoMzantsi Afrika

UDalisile Komani ubethe uMbulelo Nxazonke kumlo obuseDutywa kwiveki ephelileyo Umfanekiso: Pedro Mapelo

Umasipala waseMbhashe ungxamele ukuzibonakalisa kwicala lokusingatha imisitho yezemidlalo.

KuMgqqibelo ogqithileyo, idolophu yaseDutywa ifumene inyhweba enqabileyo yokusingatha itumente yamanqindi ebiququzelelwe nguMnu. Ntsikayezwe Sigcawu noMbhashe Municipality kwiholo loluntu – apho iimbethimanqindi zaseMpuma Koloni naseNtshona Koloni ziswantsulisene kwanzima.

Kumlo ophambili, uDalisile Komani ubuyele eKhayelitsha (eNtshona Koloni) eyintshatsheli evunyiweyo emva kokubetha ngamanqaku uMbulelo Nxazonke ozamileyo ukuxhathisa kwade kwangumzuzu wokugqibela.

UKomani, 36, wazalelwa eQonce – kodwa ngoku uhlala eNtshona Koloni ngenxa yemeko eyamnyanzelayo ukuba ayokukhangela amadlelo aluhlaza.

OkaKomani uzingombe isifuba emva kokuphumelela ekuye kwacaca gca ukuba impumelelo ayifumene eMpuma Koloni yinto ebaluleke kakhulu kuye.

UKomani uye eDutywa ezilungiselele; futhi elungiselele nezinto ezinokuthi zimehlele. Kube njalo ngethuba kusithiwa umlo wakhe noNxazonke mawungene pambi kwexesha lawo ngenxa yengxaki yezibane eholweni.

Nakubeni kunjalo, uKomani uzamkele iziphumo.

“Umlo ubumhle kakhulu. Bendingamazi lo mfana wakwaNxazonke. Ndimane ndisiva nje ngaye – kodwa ke umqeqeshi wam uzamile usibonisa indlela abantu baseMonti abalwa ngayo. Size apha sizixelele ukuba siza kudlala amanqindi ngendlela esiyaziyo,” utshilo uKomani.

Nakubeni imbethimanqindi yaseQonce izuze impumelelo emva kokusokola kumlo obunzima kakhulu – kodwa iye yaphalaza imbilini yayo ngento engayithandanga eyenzekileyo.

“Abantu baseMonti behleli nje bafuna ukuqubula ukuze babonakale ngathi baphezulu. Nangoku bekumeluba ndilwe ekugqibeleni – kodwa kuthiwe mandilwe ndingazishushubeza phambi komdlalo. Umqeqeshi wam uthi kuseMonti apha, masiyolwa. Andiyithandanga into yokulwa ndingafumananga nethuba lokuzolula,” utshilo uKomani.

Umfo kaKomani uphumelele imilo elishumi elinesixhenxe, ubethwe kwesixhenxe emva kwemilo engamashumi amabini anesine. Ngoku uthi ufuna uNxhosho amnike ithuba lokulwela itayitile yoMzantsi Afrika.