Zuma: Induku ndiyayazi, ndiza kuzikhusela

Obesakuba nguMongameli weli uJacob Zuma ethetha nabaxhasi bakhe emva kokuvela enkundleni eThekwini

OBESAKUBA nguMongameli weli uJacob Zuma uxelele inkungula yabaxhasi bakhe phambi kweNkundla ePhakamileyo yaseThekwini ngoLwesihlanu ukuba ufikelele kwisigaba sokukruquka ngabo bathe gqolo ukuthetha “kakubi” ngegama lakhe, esithi uza kuzikhusela.


“Ndinengxaki ngaba bantu bathanda ukuthetha ngam, kwiindibano zabo, bathi xa begqibile babize amaphephandaba bathethe ngam. Bendiyiyekile le nto ngoku bendingumongameli, kodwa ngoku akusenjalo, ndingummi waseMzantsi Afrika.


“Indidinile into yokuhlala kuthethwa ngegama lam, kwaye ndiza kuzikhusela kuyo. Ndifuna kubekho uxolo kweli lizwe, kodwa ndiyabalumkisa aba bantu bathe gqolo ukuthetha ngam ukuba bohlukane nale nto,” utshilo uZuma.


Kwintetho yakhe, uZuma uxelele abaxhasi bakhe ukuba ukhulele ezilalini “kwaye induku ndiyayazi”. Ngokwasezilalini, umntu othi wazi induku, angatolikwa njengalowo othi uyakwazi ukulwa.


“Andifuni bazenze bahle ngegama lam. Ndiza kuzikhusela. Xa ndizikhusela, ndakubaxelela into abangayaziyo. Kukho abantu abathi ndinobuqhophololo, abanye babo ndiyabazi banobuqhophololo.”


UZuma ukwathethe ngemfundo esithi sisixhobo sokutshintsha ubomi bomntu.

“Imfundo ibalulekile, futhi kufanele ukuba ibe simahla futhi ifikeleleke. Ukuba bekuya ngokwam, bendiza kwenza ukuba kube lityala ukungayi esikolweni.

“Ukuba asifundanga sokuze sithabathe inxaxheba kwezoqoqosho.

Umzekelo, masithi nantsi inqwelomoya, siza kuyenza ntoni xa singenazo izakhono?” kubuza uZuma.


UZuma ebevela enkundleni ngamatyala obuqhophololo, ubuqhetseba nokwehlisa imali ngomlenze. Ityala lakhe limiselwe umhla wamashumi amabini anesixhenxe kwinyanga ezayo, kwaye liza kuxoxelwa eMgungundlovu.