IiBhokhwe zitsibe ngaphaya kwaMangesi namhlanje

Aphiwe Dyantyi (C) of South Africa in action against Jonny May (R) of England during the rugby test match at the Ellis Park Stadium in Johannesburg, South Africa, 09 June 2018. EPA/KIM LUDBROOK

Nakubeni iiBhokhwe
zoMzantsi Afrika bezihamba emva ithuba elide kwisigaba sokuqala somdlalo –
kodwa kuyiwe kwixesha lokuphumla izinto seziguqukile. Ngosuku lokuqala
likaSiyamthanda Kolisi ekhokela iqela lesizwe lombhoxo, izinto ziwahambele
kakuhle kakhulu Amabhokobhoko emva kokubetha iNgilane ngo’42-39 kumdlalo
wokuqala wovavanyo kwibala lase-Ellis
Park
Stadium ebeligcwele
lime ngembambo ngorhatya namhlanje. Ukutsiba kweeBhokwe ngaphaya kweNgilane
ebikhokela ngo’24-3 kuthetha ukuthi Amabhokobhoko akwazile ukuzibangula
iimpazamo ezithile kwezo azenze kwiveki ephelileyo eMelika – apho abethwe
yiWales ngo’22-20.

URassie Erasmus
wenze iinguqu eziliqela kwiqela eliqale umdlalo kule mpelaveki. Omnye wabo
badlali abathe banethamsanqa lokunikwa ithuba lokuqala umdlalo nguSbu Nkosi
olithe xhakamfu ithuba ngokulala emgceni. Yindedeba yakwaNkosi elele emceni
kuqala kumdlalo wanamhlanje. Lo nto inike amandla abadlali bakaRassie
okuyicishilela iNgilane ebekubonakala ukuba inxaphile. Omnye wabadlali
abazibonakalisileyo ibe ngu-Aphiwe Dyantyi.  Ngaphandle kwamathandabuzo, uRassie Erasmus,
uphilile omoyeni wakhe emva kokuba iqela lakhe limnike impumelelo yokuqala
njengomqeqeshi weBoks.

Springboks 42 – Tries:
Faf de Klerk, Sbu Nkosi (2), Willie le Roux, Aphiwe Dyantyi. Conversions:
Handré Pollard (4). Penalties: Pollard (3).

England 39 – Tries: Mike Brown (2), Elliot Daly, Maro Itoje, Jonny
May. Conversions: Owen Farrell (4). Penalties: Daly (1), Farrell (1).


– IOL Sport