Amazimba likamva lale nkulungwane

Ukusuka ekunene nguVelani Jack wegqiza lakuZingxondo, usodolophu waseMalahleni uNomveliso Nyukwana noMphathiswa wezoLimo noPhuhliso lwamaPhandle uXolile Nqatha UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Engqinelana neziphumo zenkomfa yehlabathi ebi ngamazimba ebi banjelwe eKapa kwinyanga ephelileyo, uMphathiswa weSebe lezoLimo noPhuhliso lwamaPhandle eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, ukhuthaze amafama wamazimba aseMalahleni ukuba amanyane.

UNqatha ucangcathe kanye kuninzi lweembono zeNjingalwazi, izifundiswa neengcali zolimo ezivumelene ngazwinye ukuba amazimba likamva lale nkulungwane.

Ngamafama angamashumi amathathu anesixhenxe akuZingxondo eMalahleni, adibanise izandla ancedwa ngurhulumente wephondo ukuvelisa amazimba kumhlaba ozihektare ezingamashumi asixhenxe anesine.

“Lo msebenzi umhle kangaka wenziwa apha usenza sizibone sinyanzelekile ukuba sikhuthaze la mafama ukuba aqine, abheke phambili ukuvelisa la mazimba, ukuze bakwazi ukuthengisa kwiimalike ezingcono,”uthethe watsho uNqatha.

Uthi lo msebenzi wokuveliswa kwamazimba kuZingxondo uhambelana nesicwangciso esijoliswe ukusebenzisa ukulima ukuguqula imeko yezimali kweli (Agricultural Economic Transformation Strategy). Usodolophu waseMalahleni uNomveliso Nyukwana, uthi amazimba yenye yeemveliso eziphambili zeli ezithunyelwa kumazwe angaphandle.

“Ngokulima, la mafama adlala indima enkulu ukulwa indlala, logama ekwafaka isandla kuhlumo loqoqosho lomasipala wethu.”

Iziphumo zenkomfa ebi ngamazimba eKapa zibonisa ukuba amazimba ngawo awayetyalwa kweli leAfrika ngaphambi kokufika kombona nabarhwebi aba bevela eNtshona.

UNjingalwazi Bongani Ndimba weAgricultural Research Council, ecacisa kule nkomfa yaseKapa wathetha wenjenje.

“Ungaweva amaXhosa xa esithi udla amazimba, ebonisa ukuba lowo kuthethwa ngaye usaphila, ngawo awokuqala ukutyalwa ngabantu beli leAfrika, ngokufika kwabarhwebi bafika bephethe umbona, yiloo nto naxa kusesikweni ubona kukho amazimba ixesha elininzi, uphando lukwabonisa ukuba anempilo ngaphezu kombona,” watsho.

Usihlalo wokopolotyeni wakuZingxondo, ovelise la mazimba, uVelani Jack, uthi banethemba lokuba iza kungena imali ngenxa yalo msebenzi nanjengoko beqhuba uthethwano nenkampani yakwaBorder Seeds ukuba ithenge esi sivuno.

“Sinethemba lokuba umthengi esimfumeneyo uza kusinika ixabiso elihle ngesi sivuno. Bafuna ukubona imveliso ukuze kamva bathathe isigqibo sokuthenga. Akululanga ukufumana abathengi kule marike yamazimba, siyazama kangangoko ukuba ihambe le mveliso,” utshilo uJack.

Uphando lweAgricultural Research Council lubonisa ukuba ingingqi yaseMalahleni yenye yeendawo ezifanelekileyo ukuvelisa amazimba kweli leMpuma Koloni.

Amashumi alithoba anesihlanu eepesenti zamazimba eMzantsi Afrika ayatyiwa luluntu, logama amashumi amane anesihlanu eepesenti esenza iimveliso ezifana nomqombothi nezinye. Awona maphondo avelisa amazimba ambalwa kweli liphondo laseKZN nephondo laseRhawutini.

Urhulumente weMpuma Koloni uncedise ngembewu, izichumiso nengcebiso kula mafama avelise la mazimba.