Maze sibayale ngokubaluleka kolimo!

Xa singena kwinyanga eqaqambe kunazo zonke ezinye iinyanga kwimveli kaNtu, inyanga yeSilimela, ndithi mandenze nje amagqabantshintshi ngowona mba uphambili kwintlalo kaXhosa, ulimo.

Kungekudala, baza kuthi oonyana xa begqiba kubhala iimviwo zaphakathi enyakeni, uve ngegwijo, uve ngamakhwelo, zitsho iimpempe, kuhlanganiswe kuqulwa ngaxesha linye, abafazi namazibazana babethe iingqongqo, konke kusenziwa kulungiselelwa loo makhwenkwe aza kuba esiya esuthwini.

Ngalo ke eli lixa, umthandazo wabazali nowesizwe siphela, usoloko ingowokuba abantwana bethu bahlale ngokukhuseleka emahlathini nasezintabeni, bafunde lukhulu nangomonde kumazwi amakhankatha naweenkonde ezikwaziyo ukuyala mhla kusojiswa, andule ukubuya ekhuselekile, ephila kwaye engenawo nomkrwelo.

Aya kuthi ke xa efika emakhaya sele ekwinqanaba lokuba ngamadoda, xa kusenziwa imigidi yokuvuyisana nokuphumelela kwawo kwinqanaba lobukhwenkwe esiya kwelo lobukhwetha, esuka nakwelo lobukhwetha layanyaniswa nobulwanyana basendle, angene ebudodeni ngokuyalisiswa njengamakrwala. Iziyalo ke azisuki koomacholwanofele abangoongantweni abangenamizi izinzileyo.

Iziyalo zisikelwe amadoda ayimizekelo emihle eluntwini, amadoda anemizi, amadoda angaphili ngantlondi namanyundululu, koko abayali ngamadoda athetha kuvakale, kuba oko akuthethayo ayakuphila, kuba kakade awunakuze uyale umntu ngendlela ongenakuze uyihambe nawe.

Abayali bokwenene ngabo banamazwi anesidima, anobulumko, akhayo, nabonisa indlela engatyenenezanga yobomi, kuba nabo besuka kuyo, besazi ukuba impumelelo ayizi lula, koko iyasetyenzelwa.

Kubayali bamakhwenkwe alo mnyaka ka2018, ndinasicelo sinye nesingenzima kuya phi.

Maze nithi xa nibayala abafana bomzi kaNtu ukubuya kwabo esuthwini, nigxininise kakhulu kumba wokubaluleka komhlaba, ingakumbi kumba wokulima.

Umhla nezolo, imibutho yezopolitiko eliqela ivakalisa inkxaso yayo engagungqiyo kwiphulo lokubuyiselwa kwemihlaba ebantwini.

Kwelam icala ndinaso nesiphakamiso esithi nabo babengahluthwanga mihlaba kwilixa langaphambili, mabanikwe imihlaba ukuze ummi ngamnye weli lizwe abe nesidima njengomntu.

Ngaphandle komhlaba umntu lixhoba lendlala, intsokolo kwaye ukhangeleka engudingezweni. Ngomhlaba umntu uyaphila, alime, afuye, atye engakhange anyanzeleke ukuba aye ezivenkileni.

Umnqweno wam ngowokuba kwilizwe elifana noMzantsi Afrika elinomhlaba omkhulu kangaka ongumqwebedu ongasetyenziswayo, ulutsha lwethu, ukusukela kule nyanga yolutsha neyokwaluka, luyalwe ngelithi kumzi ngamnye, umntwana othi eqala ukusebenza athenge imoto phambi komhlaba, uza kumangalelwa kwabasemagunyeni.

Bubuyatha mzi kaNtu ukuvumela iintsana zethu, oonyana bethu kwaneentombi zethu ukuba baqale ngokuthenga iimoto ezinamagama namaxabiso amakhulu phambi kokuthenga umhlaba okanye izindlu.

Xa sibayala abantwana bethu mhla babuya esuthwini nakwantonjane, masibugxininise kwaye sigqogqe ngabo iindlebe ubunyani bokuba umhlaba awuphelelwa xabiso, ukanti ezi motondini zihlelwa lixabiso kwangolu suku ziphuma ngalo kowazo apho zithengwe khona.

Isizathu sokuba izizwe zasemzini zihlale zihlutha kwaye zinoqoqosho oluncomekayo kukuba umlisela nomthinjana wezi zizwe ukhuthazwa ngokuthenga imihlaba neendawo zokuhlala, baboniswe nokuba ukuthenga iimoto zikanokutsho yinkcithamali engafunekiyo.

Nangoku kwezi zizwe wofika oonyana neentombi zalapho zihamba ngeemoto ezindala ezazifudula zisetyenziswa ngabazali, ukuze aba bethu abantwana ubabone bekhuphisana ngeminyobo yamaJamani, eyamaFrentshi, eyamaJapani neyezinye izizwe.

Konke oku kwenzeka kwisizwe sikaNtu esasifudula sikuxabise kakhulu ukuba nemizi nemihlaba.

Konke oku kuthengwa kwezithuthi eziyinkcithamali kwenzeka kwilizwe elinomhlaba oqikelelwa kwiihektare ezimalunga ne-12 500 000 ongasetyenziswayo.

Kwa olu phando labakwaIndex Mundi luphinda luveze nokuba iphondo eli lakowethu iMpuma Koloni, linomhlaba omalunga neehektare ezingama-1 100 000 ongasetyenziswayo.

Kwenzeka njani ukuba imihlaba ebalelwa kwiihektare ezikwizigidi ube awusetyenziswa kodwa sikhala ngentlupheko nendlala? Indlala yinto engaziwayo kwixesha lookhokho bethu kuba babe nemihlaba, belima kwaye befuyile.

Xa sinokuyeka ukulandela imontlalo engeyoyethu, sikholose ngoko kukokwethu nekwakuphilwa ngookhokho bethu, ingakumbi ukulima nokufuya, iAfrika ingalilizwe lentlutha noqoqosho olungungqa phambili.

Ngokungafaniyo namanye amazwekazi, thina maAfrika sinomhlaba omhle, otyebileyo, onokugxotha indlala xa sinokuwusebenzisa kakuhle, nonokusiphilisa ngonaphakade.

Kulo mnyaka ka2018, sisisizwe esintsundu, abantwana bethu siza kubayala sibafundise ngexabiso lomhlaba nokulima!