Masibizwe ngoDavid Stuurman isikhululo saseBhayi

Inkokeli yesizwe samaKhoi-San uChristian Martins uthi isikhululo seenqwelomoya saseBhayi masithiywe ngegama leNkosi yesi sizwe eyabhubhela eAustralia uDavid Struurman.

Oku kuvela logama kuqhutywa ingxoxo ebanzi ngokuthiywa kwezikhululo eziquka esaseBhayi, esaseKapa, eMonti nesaseKimberly ukuba zinikwe amagama amatsha.

“Ngubani onokuphikisana nombono wokuba esi sikhululo saseBhayi sithiywe ngoDavid Stuurman, iNkosi yethu eyazibalula ngokuphikisana norhulumente wobandlululo.”

UStuurman wazibalula ngokukhokela idabi lokulwa amakoloniyali kwimfazwe zeFrontier phakathi ko1799 ukuya ku1803.

“Yenye yeenkokheli zokuqala ukuvalelwa kwisiqithi iRoben Island ngenxa yokungathobeli ulawulo lwabamhlophe ngelo xesha, uqhawule kaninzi eluvalelweni esiqithini ebonisa ukungathobeli kwakhe,” uthethe watsho uMartins.

Ngenxa yokubandlongondlongo kukaStuurman nokuqhawula izihlandlo esiqithini wathunyelwa kwilizwe laseAustralia. Ipalamente kazwelonke eKapa igunyazise ingxoxo evulelekileyo ngokutshintshwa kwamagama ezi zikhululo zeenqwelomoya.

Isizwe samaKhoi-San eKapa simemelela ukuba isikhululo seenqwelomoya eKapa sithiywe ngenye inkokheli yesi sizwe uKrotoa owazibalula naye ngokulwela inkululeko yabantu bakhe.

“Nobawo uNelson Mandela ekuthiywe ngaye umasipala waseBhayi, angasingqinela kwelokuba esi sikhululo saseBhayi sithiywe ngale nkokheli yesizwe samaKhoi-San uDavid Stuurman,” utsho Martins.

UStuurman wabhubhela kwisibhedlele saseSydney eAustralia ngomhla wamashumi amabini anesibini kwinyanga yoMdumba ngo1830.

“Oku kuyakwenza ukuba iqondakale indima edlalwe sisizwe samaKhoi-San kumzabalazo wenkululeko yelizwe loMzantsi Afrika, kufike ixesha lokuba sinikwe imbeko nathi sisisizwe samaKhoi-San eMzantsi Afrika,” utshilo uMartins.

Kwiveki ephelileyo eKapa kuphunywe kuxatyanwa emva kokungaboni ngasonye phakathi koluntu lesizwe samaKhoi-San kunye neenkokheli zemibutho yezopolitiko equka iEFF.

Umongameli wombutho weEFF, uJuluis Malema, ngowokuqala ukumemelela ukuba isikhululo seenqwelomoya saseKapa sibizwe ngegama likaWinnie Madikizela-Mandela.

UMhlalutyi wezoPolitiko uJudith February ugxeka isebe lenkcubeko kweli ngelithi kumele ukuba likhokele umcimbi wokuthiywa kwakho kwezi zikhululo.

“UMphathiswa uNathi Mthethwa unoxanduva lokuqinisekisa ukuba yonke le nto yokuthiywa ngokutsha kwezi zikhululo yenziwa ngendlela eza kumanyanisa abantu belizwe loMzantsi Afrika,” uthethe watsho uFebruary.

Iinkokheli zesizwe samaKhoi-San ezifana noSarah Baartman ziyinikiwe imbeko ngokuthiywa komasipala ombaxa egameni lakhe, kodwa uMartins uthi akwanelanga oko.