Iyagxotha, iyabetha inqununu yaseThambekile!

Umfundi wesikolo samabanga aphakamileyo iThambekile eCacadu, lixhoba lakutsha nje lokubethwa sisibhovubhovu senqununu yesi sikolo uXolani Mpakama.

Emva kokungavisisani nomfundi othile, le nqununu ityholwa ukuba yambetha yamgqabhuza umnwe, ikwamkrazula indlebe.

Esi siganeko safihlwa ngabafundi nootitshala ngenxa yokuba kusoyikwa uMpakama, nanjengoko ebetha aze agxothe kwesi sikolo.

UZikhona Sunduza yena waba lixhoba lokugxothwa yile nqununu emva kokuba eqatshelwe ukuba ukhulelwe.

“Kulo nyaka uphelileyo ndahlukene nesikolo emva kokuba ndiqatshelwe ukuba ndikhulelwe, inqununu yanyanzela ukuba ndigxothwe esikolweni, ndibuye kulo unyaka ukuza kwenza izifundo zam zebanga leshumi kwakho,”utshilo uSunduza.

USunduza uthi ubambezeleke kakhulu ngenxa yesi siganeko.

“Yhoo ndibambezeleke kakhulu, ndiqale lo nyaka umoya wam uphantsi, kodwa ngenxa yabanye ootitshala nabafundi noko ndiyazama,” uthethe watsho.

Esi sikolo sifumene amashumi amahlanu eepesenti ekhulwini kwiziphumo zebanga leshumi kunyaka ophelileyo.

Kukho iingxelo zokuba kutshanje kugxothwe ititshala yeziBalo neNzululwazi ngezizathu ezingacacanga. Ilungu lebhodi elingavumanga negama lalo lithi ngenene ulawulo lukaMpakama luchaphazela ulawulo lwesikolo.

“Sixhalabile ngabantwana aba bebanga leshumi, kuba izifundo zeziBalo neNzululwazi aziqhubi kakuhle ngenxa yezi nguqu zingxamileyo, hayi asoze ndithethe ngezinye izinto, ndiyoyika,” litshilo ilungu lebhodi.

Esi sikolo sathiywa ngegama likaNkosi Thambekile Mathanzima onguyise kaNkosi Ngangomhlaba Mathanzima. Sesinye sezikolo ezidala kwingingqi yaseChris Hani.

Othethe egameni leSebe leMfundo eMpuma Koloni, uMali Mtima, uthi kukho iimpawu zokudelelwa okanye ukungaziwa komthetho kwesi isikolo. “Umthetho ucace kakuhle ukuba akukho bani unegunya lokubetha umntwana esikolweni, abazali banegunya lokuthatha amanyathelo asemthethweni ngokubethwa kwabantwana babo,” utsho uMtima.

Uthi bona belisebe baza kuthatha amanyathelo abo emva kokwenza uphando olubanzi ngezityholo ezilandela inqununu.

Ukanti ayikhange ifumaneke inqununu kumnxeba wayo ukuba iziphendulele kwezi zityholo.

“Nakwesi isiganeko sokugxothwa komntwana ngenxa yokuba ekhulelwe sisiganeko esingekho mthethweni, akusagxothwa mntwana esikolweni ngenxa yokukhulelwa kwakhe, umthetho olawula ezemfundo awukuvumeli oko,” utshilo uMtima.