UOmar lixhoba lokuzalwa zimbacu

Abemmi abaphuma kumanye amazwe ngosuku lokuphawulwa kwemini yeembacu Umfanekiso: Tumi Pakkies

Ngenxa yokuba ezalwa ngabantu abazimbacu ezisuka eSomalia, uAli Omar (19) akakwazi kufumana isazisi nangona yena eyinzalelwane yeli loMzantsi Afrika.

Oku kwenza ukuba angakwazi kuzinza, nokusebenzisa ingqondo esikolweni nangona efunda ibanga leshumi. 


“Ingxaki utata akafuni kubangummi weli loMzantsi Afrika ngezizathu ezaziwa nguye, ngoku andikwazi kufumana isazisi, ndiyalibaziseka ukubhalisa igama lam kuluhlu lwabafundi bebanga leshumi,” uthethe watsho uOmar. 


Ilizwe loMzantsi Afrika lingenelele kumazwe ehlabathi athe akhumbula abantu abazimbacu kwihlabathi ngomhla wamashumi amabini kwinyanga yeSilimela.


“Ndinethemba lokuba kwiveki ezayo ikhona inguqu eza kwenzeka, kuba kudala ndizama ukufumana isazisi ukuze ndikwazi ukubhala iimviwo zebanga leshumi,” uthethe watsho uOmar. 


Lo ngumfundi webanga leshumi kwisikolo samabanga aphakamileyo iAcademy eMonti.

 

Uninakhulu wale nkwenkwe uFatima Moosa Omar uthi akanangxaki ngokubayimbacu eMzantsi Afrika, kodwa iyamhlupha ingxaki yomzukulwana wakhe.


“Asinangxaki ngokubazimbacu eMzantsi Afrika, kodwa le ngxaki kaAli ayisonwabisi, lo ngumntwana ozelelwe apha eFrere eMonti ngumntu walapha eMzantsi Afrika, sinethemba lokuba iza kulunga le ngxaki.”


Ukanti abanye abantu abaphuma kumazwe angaphandle kweli abaquka uHashim Ijaz uthi uyalikhumbula ikhaya lakhe ePakistan, kodwa ilizwe loMzantsi Afrika iselikhaya elishushu okwangoku. 


“Ndiyakhumbula ukugoduka kodwa, akukho nto indiphethe kakubi eMzantsi Afrika, ngonyaka ngamnye ndiyazama ukuya ekhaya ndiye kubona usapho lwam,” utshilo uIjaz. 


Isikhumbuzo sembacu kwihlabathi siqalwe ngonyaka ka2001 yiarhente yezizwe ezimanyeneyo iUN Refugee Agency ngeenjongo zokukhathalela iimbacu kwihlabathi.

 

Ingxelo yale arhente ithi ngabantu abakumashumi amathandathu anesithoba ezigidi ehlabathini abanyanzelwe zimeko ezithile ukuba bashiye amakhaya wabo.