IFrance neDenmark zihleli phezulu kuGroup C

Christian Eriksen (L) of Denmark in action against Thomas Lemar (R) of France during the FIFA World Cup 2018 group C preliminary round soccer match between Denmark and France in Moscow, Russia, 26 June 2018. By: FELIPE TRUEBA / EPA

Nakubeni bekulindelwe
kutak’ iintlantsi kumdlalo obuphakathi kweFrance neDenmark – akubanga njalo
emva kokuba umdlalo uphele kungekho lizwe elikwazileyo ukubhalisa ebhodini
eLuzhniki Staium namhlanje. Omabini amazwe aye emdlalweni namhlanje esezindaweni
ezintle – lo nto yenze kwangabikho kothuka yindlela izinto ezenzeke ngayo
eLuzhniki Stadium. Emva kokuphumelela imidlalo emibini yokuqala, umqeqeshi
weFrance, uDidier Deschamps, ukhethe ukungabaqalisi umdlalo abadlali bakhe
abaphambili abafana noPaul Pogba, uKylian Mbappe noHugo Lloris namhlanje.

Abadlali beDenmark
bankqonkqoze kwangoko kwiipali zikanozinti weFrance – kodwa into abangakwazanga
ukuyenza kukufaka igowuli. Bekubonakala ukuba iFrance ayinabo abadlali bayo
abaphambili. Bekungekho mfutho oqhelekileyo kumdlalo wayo. Emva kokuphela
kwesigaba sokuqala kungekho nto ebhodini, uDeschamps ukhuphe u-Antoine
Griezmann, endaweni yakhe ufake uNabil Fekir.

IFrance,
enethemba lokuya kwimidlalo yokugqibela kwindebe yehlabathi yalo nyaka, ivale
imidlalo kaGroup C ihleli phezulu. Emva kwayo ibe yiDenmark ebidlala nayo
namhlanje.