AmaJamani atyathiswe iitasana zawo yiSouth Korea agoduka

Son Heung-min of South Korea (2-R) and Mats Hummels of Germany (L) in action during the FIFA World Cup 2018 group F preliminary round soccer match between South Korea and Germany in Kazan, Russia, 27 June 2018. By: SERGEY DOLZHENKO / EPA

Izinto ezimangalisayo
zenzekile kwaye zisenzeka kwindebe yehlabathi esingathwe yiRussia. Ilizwe
lase-Argentina, ebelincanyiwe phantse nguye wonke umntu emva kokungaqhubi
kakuhle kwimidlalo yokuqala, izolo libethe iNigeria ladlulela phambili kwindebe
yehlabathi. Namhlanje ilizwe elincinane ngokwasebholeni lothuse umzi
ngokukhupha iGermany. AmaJamani atyathiswe iitasana zawo yiSouth Korea emva
kokuwabetha ngo’2-0 kumdlalo obunzima kakhulu eKazan Stadium namhlanje. Le yimini
AmaJamani oyiswe ngayo ukukhusela indebe yehlabathi ayiphumelela ngo’2014
eBrazil – apho abetha khona iArgentina ngo’1-0. Olu ikwalusuku olungasoze
lwalibaleka kwiGermany ngoba zange yaphuma kumjikelo wendebe yehlabathi
ukusukela ekusekweni kwayo.

Ukuhamba kweGermany
kuthusile ngoba ibibonwa ngabantu abaninzi njengelona lizwe elinokuthi
liyithathe indebe yehlabathi kwakhona ngenxa yabadlali enabo abanamava futhi
abadlalela amaqela amakhulu ehlabathini – kodwa kwelinye icala ibikhona into
ethi ingaphuma ngoba umdlalo wayo zange uncumise kwasekuqaleni ngethuba ibethwa
yiMexico ngo’1-0. Phambi kokubethwa yiKorea, AmaJamani ebenalo ithuba lokuya
phambili kwindebe yehlabathi emva kokuphumelela umdlalo kwiveki ephelileyo. Ilizwe laseSouth Korea lidlale
umdlalo walo wesiqhelo okhawulezayo – kodwa yaqinisekisa ukuba amadoda ayingozi
afana noMats Hummels noMesut Ozil ayagadwa ukuze angenzi ngozi. UManuel Nenuel
usebenzile ezipalini ngoba abadlali abafana noJung Woo-young noSon Heung
bazamile ukutyhoboza noxa bebenzinyelwe.

Image may contain: 1 person, playing a sport and outdoor

Isiququ uKim
Young-woo uthathe iSouth Korea
wayibeka endaweni entle ngegowuli. Ibhokisi yeGermany itywinwe nguSon ofake
igowuli uNeuer engekho ezipalini zakhe emva kokubhutyuza ibhola phakathi
ebaleni. Kwelinye icala iSweden inyukele kwindawo yokuqala kuGroup F emva
kokubetha iMexico ngamagowuli amathathu (3-0) kumdlalo obubanjelwe
eYekaterinburg Stadium. lo nto ithethe ukuthi iSweden neMexico zizo eziya
phambili. IMexico incedwe kukuza kumdlalo wokugqibela iyiphumelele imidlalo
yayo emibini. IGermany, ephumelele kanye, iphumile neSouth Korea noxa
iwuphumelele umdlalo wayo kakuhle.