Angangasifumani isiqinisekiso sebanga leshumi uAli Omar

UAbdirizak Omar onengxaki yokungafumani iimpephamvume zokuba ngummi weli Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Akukho themba lokubhala iimviwo zokuphela konyaka kumfundi webanga leshumi waseMonti, uAli Omar ngenxa yokuba engenaso isazisi.

Ukulibaziseka kwakhe ukufumana isazisi kubangelwa kukuba uyise akanaso isazisi sobummi beli loMzantsi Afrika. Umfundi utyhola uyise ukuba akafuni kuthatha ubummi belizwe loMzantsi Afrika.

“Utata akavumi kuthatha ubummi belizwe loMzantsi Afrika, lo nto yenza ukuba kube nzima kum ukufumana isazisi, kudala ndizama ukusifumana esi sazisi, ndiyalibaziseka,” uthethe watsho.

Utata kaOmar, uAbdirizak Omar, uthi kudala esenza iinzame zokufumana incwadi yesazisi ukusukela ngonyaka ka1997.

“Ngonyaka ka2007 ndifumene incwadi esuka kwisebe lezekhaya eqinisekisa ukuba ndivumelekile ukuba ndifumane isazisi selizwe loMzantsi Afrika, kodwa ayide yenzeke lo nto,” uthethe watsho.

Lo mfundi ufunda kwisikolo sabucala iAcademy eMonti, nesele sizamile ukwenza iinzame zokuba afumane uncedo.

“Inqununu yandixelela ukuba uza kubhala umntwana xa kubhalwa iimviwo kodwa akazukusifumana isiqinisekiso sokuphumelela ibanga leshumi nokuba uphumelele,” ekhathazekile, utshilo uOmar.

Nangona abazali bakhe bezinzalelwane zelizwe lasePakistan, uAli Omar yena uzalelwe kwisibhedlele saseMonti, iFrere.

“Wasifumana isiqinisekiso sokuzalwa, kodwa umthetho walapha uthi ukuba umzali akanaso isazisi selizwe loMzantsi Afrika akanakufumana sazisi umntwana, kudala ndizama,” utsho uOmar.

Uthi uhamba eBhayi naseMonti kwiSebe lezeKhaya ezama ukuba kufumaneke isazisi somntwana wakhe.

“Unyana wam akathethi nyani xa esithi ndim unobangela wokuba singafumaneki isazisi sakhe, ndiyasifuna, kudala ndizama ukusifumana andiphumeleli,” ucacise watsho uOmar.

UDavid Hlabane othethela iSebe lezeKhaya eMzantsi Afrika akafumanekanga ukwenza ilizwi egameni leli sebe. Ukanti nenqununu yesikolo saseAcademy nayo ayifumanekanga egameni lesikolo.

Othethe egameni leSebe leMfundo eMpuma Koloni, uMali Mtima, uthi akukho nto ingako banokuyenza ngale ngxaki kuba esi sisikolo esizimeleyo.

“Xa isisikolo esizimeleyo siye sizame nje ukwenza ifuthe lokuba benze ngenceba xa kukho loo ngxaki, libhunga elingasentla kwethu elikwaziyo ukungenelela kwingxaki ,” utshilo uMtima. Lo kaMtima uthi yingxaki yomzali ukufumaneka kwesazisi somfundi.

“Kumele ukuba umzali aqinisekise ukuba umntwana ufumana isazisi ngexesha elifanelekileyo, isikolo sona sincedisana nomzali ngelo xesha,” uthethe watsho uMtima.

Uthi kukho intsebenziswano abayityikitya nesebe lemicimbi yezeKhaya ngeenjongo zokuba abantwana bafumane izazisi ngaphandle kwengxaki phambi kwexesha lokubhalwa kweemviwo.

“Kwisivumelwano sethu, isebe lezekhaya lihambela izikolo emva kokuba iinqununu zenze uluhlu lwabantwana abadinga izazisi,” kutsho uMtima.