USinyabi akafuni kuzibophelela iimbethimanqindi zakhe

Amava awazuze xeshikweni eyimbethimanqindi uza kuwasebenzisa xa ephuhlisa iimbethimanqindi ezisakhasayo uMacbute Sinyabi.

Le ndedeba, esungule inkampani ekuthiwa yiMacman Take Over Promotions, iza kusingatha itumente yokuqala njengomququzeleli eza kube ingeCawe, eOrient Threatre, ngentsimbi yesibini emva kwemini.

USinyabi ubetha ngenqindi phantsi ngelithi ezinye iingxaki athe wadibana nazo esabetha inqindi ngeke zichaphazele iimbethi manqindi ezisondele kuye.

“Ndiyayazi imingeni ebangela ziyokufuna amadlelo aluhlaza eRhawutini iimbethimanqindi. Ndiza kubanika iingcebiso eziza kubanceda basondele kum,” uSinyabi utshilo.

USinyabi uthi ngeke azitshixele ngezivumelwano zengqesho iimbethimanqindi ezidlala kwiitumente eziququzelelwe nguye.

“Ndiza kuzicebisa iimbethimanqindi ukuba zilwe naphi na. Andizukuzitshixela ngezivumelwano zengqesho. Ndifuna balwiswe nguye nawuphi na umququzeleli oza kusa ikamva labo phambili,” utshilo.

Nangona zawa phantsi iinzame zakhe zokuba yintshatsheli yehlabathi, uSinyabi uthi ufuna ukuvelisa iintshatsheli zomhlaba.

“Kuninzi endikuzuzileyo njengembethimanqindi, kodwa andikwazanga ukuba yintshatsheli yehlabathi. Ndifuna ukwenza iintshatsheli zehlabathi. NguZolani Tete yedwa intshatsheli yehlabathi esinayo ngoku. Ayintlanga lo nto, baninzi abafana abanesakhono abafana nooAzinga Fuzile noNtlantla Tyirha,” utshilo.

Umlo ophambili uphakathi kukaAthenkosi Dumezweni noTulani Gumede kwintshinga yeJunior Bantam engenamntu.

UTyirha uza kuxhimfana noSakhekile Qumrha kumlo weJuniorfly.

Kudidi lweNtambanani, owayesakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika kwiJuniorfly, uLuzuko Siya, uza kukhusela isidima sakhe xa exhimfana noSabelo Ngebiyane.

ULuyanda Ntwanambi, onekamva eliqaqambileyo kakhulu emanqindini kulindeleke aqhekezane noMasixole Langa.

isibhalo@inl.co.za