Kuza ingxikela yamanqindi kwakhona eMonti

Iza kuba manxadanxada i-ICC ngempelanyanga. Kulapho kuza kube kungquzulana iimbethimanqindi kwitumente eququzelelwa yiXaba Boxing Promotions.

Imilo ephambili iphakathi kukaYanga Sigqibo waseZiphunzane noRene Dacquel osuka ePhilippine abaza kube bejijisana ngentshinga yeWBC International engenamntu. USigqibo (27) wayekade eyintshatsheli kwiJunior Bantamweight kwilizwe loMzantsi Afrika.

Le ndodana yaseZiphunzane ithi inalo iqhinga lokubetha uDacquel. “Ndimbukele kaninzi uRen – yimbethimanqindi etyhuthuzelayo xa isiza phambili. Ndiza kumgcina ekude kum umlo wonke. Ndiqinisekile ukuba ndiza kumbetha, nangona enamava nje kunam,” utsho uSigqibo.

UNtlantla Ngamntwini yenye yeembethimanqindi eziza kube zisilwa ngempelanyanga.

UNgamntwini, odlale ntanganye kumlo wentshinga yodidi lwempukane kutshanje, uza kudibana no-Ulises Lara waseMexico kumlo weWBO. Iya kuba ngumlo wokuqala kaNgamntwini kwiJunior Bantamweight kwaye ucinga ukunyukela kwakhe kuza kumnika amandla.

“Kudala ndinxanelwe intshinga yehlabathi. Ndiyakholelwa ukuba ngamaqalela la. Enye into endicinga ukuba iza kundinceda kukunyukela kwiJunior Bantam,” utshilo.

Kudidi lweWelterweight, * -Uyanda “Big Bear” Nogogo waseMdantsane uza kuxhimfana noAziz Uliza ophuma lwilizwe laseTanzania kwintshinga yeIBF Youth. OkaNogogo uthembise ngokumqwenga okwebhere lidlakaza umvundla * -Uliza.

“Ndisebenze nzima ngoba ndilungiselela lo mlo. Ndiqinisekile ukuba ndiza kumbetha uAziz [Uliza],” utshilo uNogogo.

Ityendyana elibonakala linekamva eliqaqambileyo eliphuma eZiphunzane, uLuyanda Ntwanambi, uza kuqubisana nomakadenetha uDalisizwe Komani kumlo okudidi lwempukane.

UNtwanambi ukholelwa ukuba uza kufunda lukhulu kumlo wakhe noKomani.

“Ndimhloniphile uKomani ngoba yimbethimanqindi enamava. Ndiza kufunda lukhulu kulo mlo,” utshilo uNtwanambi.