UGiovanni Solinas uza kuvavanywa kumdlalo weShell Helix Cup

UGiovanni Solinas ngumqeqeshi weKaizer Chiefs omtsha. Umfanekiso: Kaizer Chiefs

Amakhosi ade
alibhengeza igama lomqeqeshi wawo omtsha namhlanje. Indoda eza kuhlala
kwesona sihlalo sitshisayo kwibhola yelizwe loMzantsi Afrika nguGiovanni
Solinas. Le ndoda nguMtaliyane (Italian) onamashumi amahlanu eminyaka (50)
ongemtshanga konke konke kwibhola yeli lizwe. Kwisizini ka-2015/16
wayengumqeqeshi weFree State Stars awenza umahluko omkhulu kuyo kwithutyana
elingephi ekuyo. Ungena endaweni eyashiywa nguSteve Komphela kwisithuba
seenyanga ezimbini ezidlulileyo.

Njengokuba iPremier
Soccer League ibhengeze okokuba isizini entsha iza kuqala ngomhla wesine
kwinyanga ezayo – uSolinas kulindeleke ayitshaye isaqhuma ngoba ufika ixesha
lokulungiselela isizini selithande ukushokoxeka. Kulindeleke ukuba uSolinas
abekhona nangona kuthandabuzeka ukuba angaqeqesha ngomso eNorth West xa iKaizer Chiefs izakube izama ukukhusela indebe
ekuthiwa yiMaize Cup ebandakanya amaqela amane. Kodwa yena kulindeleke avavanywe xa iChiefs ingquzulana
neMamelodi Sundowns kwitumente entsha – iShell Helix Cup, ngoMgqibelo weveki
ezayo eFNB Stadium.