Ikhokele iMpuma Koloni kuqhankqalazo!

Fikile Xasa

ZINGAPHEZU kwekhulu namashumi amane anesine iziganeko zoqhankqalazo eziqhutywe ngabahlali kweli, ngokophando olwenziwe yinkampani ezimeleyo iMunicipal IQ.

Le ngxelo ithi iziganeko zoqhankqalazo kweli ziqhutywe ukusukela ngenyanga yokuqala yalo nyaka.

Othethe egameni lale nkampani uKaren Heese uthi ibangela inkxalabo le meko yabahlali abaqhankqalaza yonke indawo.

 “Okona kuxhalabisa kakhulu kukuba ngaphandle kokuba zikhula ezi ziganeko, abantu baqhankqalaza ngendlela enobundlobongela obugqithisileyo, oku kuthetha ukuba silahlekiwe ngumbono wezona zinto zifunwa ngabantu bethu,” uthethe watsho uHeese. 

Le ngxelo ithi iphondo leMpuma Koloni lelona lihamba phambili ngeziganeko zoqhankqalazo lilandelwa liphondo laseRhawutini ze kugqibele iphondo laseNtshona Koloni. 

“Kunyaka ophelileyo sibe neziganeko ezilikhulu namashumi asixhenxe anesine kuphela unyaka wonke, zingahle zigqithise nangaphezulu kulo unyaka,” uthethe watsho uHeese.

Kutshanje abahlali kuMasipala waseMalahleni baqhube uqhankqalazo kwidolophu ezimbini zalo masipala eziquka iCacadu neDordrecht – bekhalazela iinkonzo ezingafikiyo kubo. 

KuQoboqobo abahlali, ngenyanga kaCanzibe, batshise iinqwelo zokusebenza zakwamasipala, ithala leencwadi neeofisi zikamasipala.

UMphengululi ziNcwadi-Jikelele uKimi Makwethu kwinyanga ephelileyo, udize ukuba ngoomasipala abakumakhulu amabini namashumi amahlanu anesixhenxe abangakwazi kusebenzisa imali karhulumente ngendlela eyiyo.

Ethetha ngezi ngxaki, uMakwethu wathi oku kubangela umsindo kubahlali baze babhenele kuqhankqalazo. 

“Ulawulo lwezimali, ulawulo jikelele nokungabikho kwezakhono ezifunekayo yenye yoonobangela bengxaki koomasipala,” watsho uMakwethu.

UMasipala waseEnoch Mgijima uthengise izixhobo zakhe kwintengiso yasesidlangalaleni kwinyanga ephelileyo ngenxa yokuba bengakwazi kuhlawula ityala lenkampani yeNjineli.

Ecacisa ngendima yeSebe lakhe kwinyanga ephelileyo, uMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli uFikile Xasa, wathi okwabo kukungenelela bencedisa ukuze kufunyanwe isisombululo.






































































































































ZINGAPHEZU kwekhulu namashumi amane anesine iziganeko zoqhankqalazo eziqhutywe ngabahlali kweli ngokophando olwenziwe yinkampani ezimeleyo iMunicipal IQ.

Le ngxelo ithi iziganeko zoqhankqalazo kweli ziqhutywe ukusukela ngenyanga yokuqala yalo nyaka. Othethe egameni lale nkampani uKaren Heese, uthi ibangela inkxalabo le meko yabahlali abaqhankqalaza yonke indawo. 

“Okona kuxhalabisa kakhulu kukuba ngaphandle kokuba zikhula ezi ziganeko, abantu baqhankqalaza ngendlela enobundlobongela obugqithisileyo, oku kuthetha ukuba silahlekiwe ngumbono wezona zinto zifunwa ngabantu bethu,”uthethe watsho uHeese. Le ngxelo ithi iphondo leMpuma Koloni lelona lihamba phambili ngeziganeko zoqhankqalazo lilandelwa liphondo laseRhawutini kugqibele iphondo laseNtshona Koloni. “Kunyaka ophelileyo sibe neziganeko ezilikhulu namashumi asixhenxe anesine kuphela unyaka wonke, zingahle zigqithise nangaphezulu kulo unyaka,”uthethe watsho uHeese.

Kutshanje abahlali kumasipala waseMalahleni baqhube uqhankqalazo kwidolophu ezimbini zalo masipala eziquka iCacadu neDordretch bekhalazela iinkonzo ezingafikiyo kubo.KuQoboqobo abahlali ngenyanga kaCanzibe batshise inqwelo zokusebenza zakwamasipala,ithala leencwadi neeofisi zikamazipala.Umphengululi zincwadi jikelele uKimi Makwethu kwinyanga ephelileyo udize ukuba ngomasipala abakumakhulu amabini namashumi amahlanu anesixhenxe abangakwazi kusebenzisa imali karhulumente ngendlela eyiyo.Ethetha ngezingxaki uMakwethu wathi oku kubangela umsindo kubahlali baze babhenele kuqhankqalazo. ”Ulawulo lezimali,ulawulo jikelele nokungabikho kwezakhono ezifunekayo yenye yonobangela bengxaki komasipala,’watsho uMakwethu.Umasipala waseEnoch Mgijima uthengise izixhobo zakhe kwintengiso yasesidlangalaleni kwinyanga ephelileyo ngenxa yokuba bengakwazi kuhlawula ityala lenkampani yeNjineli.

Ecacisa ngendima yesebe lakhe kwinyanga ephelileyo umphathiswa wesebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli uFikile Xasa wathi okwabo kukungenelela bencedisa ukuze kufunyanwe isisombululo.