“Ndamnqakula ngesandla ngaphambili,” oku kuviwe yinkundla!

“Ndamnqakula ngesandla ngaphambili, ndeva ukuba ubudoda bakhe bungaphantsi nakubhontsi wam, ndamxelela ukuba akayiyo le mbewu ndityala ngayo.” 

Leyo yintetho eyenziwe yinkosikazi yakwaNdudula, uBulelwa, kwiNkundla ePhakamileyo eMonti, ngethuba ichaza ngobudlelwane eyayike yanabo nelinye lamangqina kwityala ajongene nalo lokubulala umyeni wakhe uSakhekile Ndudula

La mazwi adale intswahla yentsini enkundleni, kuquka netoliki ebi waguqulela esiNgesini, kwanepolisa eligcine ucwangco, nangona liphinde lakhumbuza amalungu oluntu ebegcwele enkundleni ukuba agcine inzolo. 

Le nkosikazi yakwaNdudula ixelele inkundla ukuba yayike yanento yokwenza nelinye lamangqina kweli tyala uAyanda Tuswa, nobaphela ngexeshana elingangeveki emva kokumbona ukuba uTuswa unesintwana.

Le nkosikazi ithi yadibana noTuswa ngethuba besebenzela iziko elijongene nonyulo i-IEC, waza emva koko uTuswa wacela ukuba le nkosikazi imgoduse ngesithuthi sayo. 

“Wandixelela ukuba ungumntu onolwazi ngombane, saza sanikana iinombolo endixelela ukuba ndibomthinta kwizinto ezidibene nombane,” uqhube watsho uNdudula. 

Uqhube wathi wabona ngalo kaTuswa sel’efika ekhayeni labo eCambridge West eMonti, ezomxelela ukuba bayathandana kulandela imiyalezo ebebethumelelana yona susela mhla banikana iinombolo. 
Kulapho wamnqakula ngesandla ebudodeni wafika bungaphantsi nakubhontsi wakhe.

Kubungqina bakhe uTuswa waxelela inkundla ukuba uBulelwa Ndudula wayenompu awawubona kweli khaya lakwaNdudula mhla wayeyokufakela isitya sikamabonakude [TV Satellite Dish] nogxa wakhe awayesebenza naye uBuntu. 

Le nkosikazi ithe umpu owabonwa sesi sibini yayingowomyeni wakhe nowawusele ubuyiselwe emapoliseni ngethuba kuhlaselwa umyeni wakhe. Ikwathe umyeni wakhe ongasekhoyo wayewushiya nandawoni lo mpu kweli khaya.

Umtshutshisi wetyala uSakhumzi Mtsila uxelele inkundla ukuba umbuso ukholelwa ukuba le nkosikazi yakwaNdudula yayinawo umpu neyawusebenzisayo ukudubula ibulale umyeni wayo.

Kubungqina ebunikezele inkundla, inkosikazi kamfi ithi umyeni wayo wayengumntu oneentshaba ngenxa yesikhundla awayesiphethe kurhulumente weMpuma Koloni, njengeNgqonyela yabasebenzi kwiSebe loPhuhliso loLuntu. 
Ikwathe nowayenguMphathiswa kwela Sebe, uNancy Sihlwayi, wayenolwazi lokuba uSakhekile wayengumntu oneentshaba, nto leyo awathi wayibalula ngethuba efika kule nkosikazi esibhedlele emva kokudutyulwa kubulawe umyeni wayo. 

Ukwadize ukuba ezinye zeentshaba yayingamalungu ombutho iANC nalapho umfi wayelilungu lesigqeba kwingingqi yaseChris Hani.

Le nkosikazi ithe umyeni wayo wayeke avalelwe ngamalungu ombutho, ngamanye amaxesha ayede agqabhuze namavili emoto. 

Ukanti ukwathe wayeke wafumana umyalezo ongaqhelekanga kwakulo mfana kaTuswa wayeke wancuma naye ixeshana. 
Lo myalezo wawubonisa indlela obonakala ngayo umzi wakwaNdudula xa isango lokungena kwaneminyango yasegaraji ivuliwe, unesilumkiso esingajongwa nanjengesigrogriso esithi, “ngenye imini ndiyoze ndibe sengozini.”

UMtsila ugxile kubungqina obunikezwe ngamangqina ombuso kweli tyala, nawayetyhola lo nkosikazi njengomntu owayebonakalisa ukungakhathali ngethuba kusenziwa iinzame zokubalekisa umyeni wakhe esibhedlele. 

Uhlabe imibuzo ngezizathu ezinokubangela ukuba la mangqina athethe ubuxoki ngaye enkundleni, kwanzima ukunika iimpendulo kummangalelwa. 

UMtsila ukwathe ingxelo yokuqala eyanikezwa yile nkosikazi emapoliseni yayisithi umyeni wayo udutyulelwe egaraji kodwa yatshintsha xa seyifaka isicelo sebheyile. 

Ukuziphendulela, uBulelwa Ndudula uthe wayenikwe iipilisi ezamdubayo ngamanesi esibhedlele emva kokufika behambisa umyeni wakhe. 
Ukwathe wanqandwa ngamanesi awayekhona esibhedlele ukuba anganikezi ngangxelo emapoliseni ngela xesha, kodwa wayecengwa nguVuyiseka Ngoqo ukuba athethe. 

UNgoqo nobizwa ngelikaVJ enkundleni, waba ngumntu wokuqala ukufika kwikhaya lakwaNdudula emva kwesehlo sokudutyulwa kukaSakhekile kwaye ngomnye wabancedisayo kwiinzame zokumlayisha phambi kokuba abalekiselwe esibhedlele. Yayikwanguye owayeqhuba imoto kaBulelwa ngethuba bebalekisa umfi esibhedlele. Ukwalelinye lamangqina ombuso kweli tyala. 

UBulelwa useza kuqhubeka nokuphendula imibuzo yomtshutshisi nanamhlanje.