Inene ilifa lezidenge lidliwa zingqondi

Akukho nto indenzela ixhala ingathi yingqondo ethi zonke izinto xa ziphethwe ngumntu ontsundu ziyamoshakala.

Uyabona, oko kwaphatha urhulumente wabantu abantsundu ukususela ngomnyaka ka1994, isuke yangathi yonke imizamo yabalweli bale nkululeko ibe lilize.

Andizokungena tu kulo mba noxa undihenda nje, kodwa owona mba undivisa kabuhlungu ngulo wale bhanka ivalwayo kuthiwa yi-VBS Mutual Bank.

Le bhanka yiyo yodwa eMzantsi Afrika enabanini abantsundu kuphela, yenze lo nto ibe buhlungu intliziyo yam xa ibhanga kwaye ivalwa ngolu hlobo kwenzeka ngalo ngoku.

Ukuba uyakhumbula kakuhle, le bhanka ikhe yasematheni ngo2016 ngokuboleka imali owayesakuba ngumongameli welizwe uJacob Zuma khona ukuze akwazi ukubhatala imali eyayifunwa shushu yezilungiso nezandiso ezenziwa kumzi wakhe kwilali yaseNkandla, KwaZulu-Natal.

Abanye ke xa begxeka bathi ukubhangiswa kwale bhanka sisenzo sokuyiluleka ngenxa yokuba yaboleka uZuma imali ngexesha iNkandla yayisematheni. Asazi apho ke.

Elona bholo belikhe lavela kwangala nyaka kaMsholozi lelokuba, iziphathamandla zale bhanka bezikhe zaqhezulelana ngemalimboleko eyi R136 million, ithe ke le nto yakuvela, bayikhanyela kanobom abaphathi bayo.

Kodwa ke isikhonkwane sokugqibela kulo mnqamlezo ibe kukuphunyezwa komthetho wokuba oomasipala abavumelekanga ukuba batyale iimali kwiibhanka ezifana ne-VBS eziphantsi koluhlu lweemutual banks. Kuye kwacaca emva kokuphunyezwa kwalo mthetho ukuba ikamva lale bhanka liye lisiba mfiliba, yapatyalaka ibhobhile.

Andifuni kukhomba mntu ngamnwe, kodwa uyayibona ukuba le bhanka iyiyo yodwa ebanini bayo bantsundu ubomi bayo buphelele ezandleni zikarhulumente?

Lasuka eli bali lafana nelamashishini amaninzi asakhasayo ekwanyanzeleka ukuba avale iingcango ngenxa yokungabhataleki kweenkonzo zawo ngexesha kwangulo rhulumente.

Bazamile ukuyicacisa le nto nokuyilwa, kodwa ke batsho phantsi. Eli ke licala elinye lebali, apho ibuhlungu khona yeyokuba ngoomasipala abaliqela abatyale iimali zabo kule bhanka, kwaye akujongeki ingathi baza kuyifumana yonke imali yabo. Yonke ke le nto iza kuchaphazela iinkonzo eziya eluntwini.

Mandibuye ndiye kula mba bendivule ngawo wokuba ingathi thina bantu abamnyama asikwazi kuphatha nto kakuhle.

Le bhanka yaqala iyile nto kuthiwa yi-building society, ukuba uyajonga la-VBS wayemele Venda Building Society, yaza ke ngokuphucuka kweemeko zezimali zayo yangeniswa kuluhlu lweebhanka ezikhoyo eMzantsi Afrika.

Ndizama ukukubonisa ke ukuba yaqalwa ngabantu abamnyama, yakhuliswa ngabantu abamnyama, yaphinda yachithwa kwangabantu abamnyama.

Kukho amarhe okuba kuthe kuqala ukungena amanzi enqanaweni, abaphathi nabanini bale bhanka bayihluba kancinci kancinci izinto zayo.

Endaweni yokuba aba bantu bayilwele kwaye bakhusele iimali zabantu kwakunye nelifa labantwana babo, basuke bajika bangoohlohlesakhe.

Uyayibona ke ngoku ukuba ibhanka ebe sizingca ngayo, nebi liqhayiya kuthi bantu bantsundu ukuba le yeyethu ncakasana iyatshabalala sijongile? Bebenyanisile abelungu ngokuya babesithi thina asikwazi ukuziphatha?

Ibali lale VBS alikapheli, kwaye sonke siqhoboshe iminwe sinethemba lokuba ingaphuma emgxobhozweni. Iingcaphephe ke zona zilibona limfiliba ikamva lale bhanka yabantsundu.

Inene wayenyanisile la mntu wathi ilifa lezidenge lidliwa zingqondi.