IChippa United ityikitye abadlali bePirates abathathu

Chippa United

Ngenjikalanga
yanamhlanje, iChippa United ibhengeze amagama wabadlali abathathu ebafumene
kwi-Orlando Pirates. Abo badlali nguBernard Morrison, uThamsanqa Sangweni
noThabo Matlaba. Kwangaxeshanye, iChippa United iphulukene no-Ayabulela Konqobe,
uMdlinzo noSetelele abangachazwanga ukuba bayaphi. UKonqobe kuvakele iindaba ezithi uthiwe tshe
eNaturena – apho kucingeleka ukuba uza kudlala khona kwisizini entsha noxa
kungekabikho siqinisekiso.

“Bonke
abadlali esibafumeneyo ngabadlali abakwizinga eliphezulu futhi siqinisekile
ukuba baza kuwenza umahluko,” utshilo uSiviwe Mpengesi kwingxelo ekutshwe
liqela lakhe ngale njikalanga. Abadlali
abafikayo baza kuya enkampini – apho kulindeleke ukuba bazixube nabanye
abadlali abafikayo phakathi kwabo ekukho uDaine Klate osuka kwiBidvest Wits
noThabo Ntete obedlalela iMamelodi Sundowns. Kwiveki ephelileyo, iChippa United
ibiyinxalenye yeMaize Cup ebidlalelwa kwiphondo laseMntla Ntshona – apho ibethwe
khona yiFree State Stars ngamapenela.

Umdlali onjengoMorrison
uza kuyinceda kwicala lamagowuli iChippa United edlale kakuhle nakwiveki
ephelileyo – kodwa engakwazanga ukufaka amagowuli. USangweni ubuyela ekhaya emva kokuba izinto zingamhambelanga
kakuhle kwiPirates kwisizini egqithileyo aphazanyiswe kuyo nakukonzakala.
UThabo Matlaba, ngaphandle kwamathandabuzo, ungumdlali osezingeni eliphezulu.
Uza kuyivala ngokupheleleyo indawo eshiywe nguPaseko Mako othathwe yiPirates
kwinyanga ephelileyo.