Cele: Siza kuba ngqwabala kumapolisa ophula umthetho

UMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele UMFANEKISO: Phill Magakoe

EKAPA: “SIZA kuthabatha amanyathelo aqatha kumapolisa enza izinto ezingalunganga. Asinakuthumela amapolisa ukuba ayokukhusela abantu ababuthathaka ze wona asuke abenze amaxhoba.”

Oku kuthethwe nguMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele kwinkomfa yoonondaba, ephendula malunga nezityholo zokudlwengula ezijoliswe kwipolisa laseStrand-efunga esithi uza kungenelela ngokwakhe ukuze kuzaliseke ubulungisa.

Ipolisa laseStrand lityholwa ngokudlwengula owasetyhini oneminyaka engama18 okhulelweyo eStrand ngomhla wesine kweyeKhala.

Eli gqiyazana nelingenakuchazwa ngegama, lithi eli polisa lalithatha endlwini yalo laze labeka oogxa balo ababini esikhululweni phambi kokuba liqhube iveni yamapolisa liye kwindawo esecaleni nalapho lamdlwengulela khona.

Kungokunje le nkosazana ikwindawo yokhuseleko nanjengoko isoyikisela ubomi bayo emva kweso siganeko. Uthi wafaka isimangalo kwisikhululo saseLwandle. Eli polisa lijongene nokuziphendulela kwiqumrhu lokoluleka izimilo.

Amapolisa akhuphe isibhengezo esithi: “Lo mba (ityala lokudlwengula) uphethwe ngabakwa Independent Police Investigative Directorate (Ipid). Iinkcukacha zoluleko azinakubhengezwa nanjengoko ingumba ophakathi kwabaqashi nomqeshwa.”

UCele uthe:  “Sifuna ukuphelisa ukuxhatshazwa kwabesifazana ngamadoda. Akhona amapolisa alungileyo nangalunganga. Siza kuthabatha amanyathelo kulawo angalunganga. Ndiza kuzibandakanya kweli tyala.”

 

Uthe umkomishinala wamapolisa kweli phondo uKhombinkosi Jula kuza kunyanzeleka ukuba asebenze ngokukhawuleza.

 

Eli bhinqa lithe alikafumani nentuthuzelo.

 

Echaza okwamehlelayo uthe: “Amapolisa agqogqa indlu aze afumana iziyobisi, athi mandiye esikhululweni. Bathatha imali eyayingaphantsi kweBhayibhile. Baqhuba iveni yabo sisiya kwisikhululo saseLwandle baze bandicela ukuba ndilinde apho evenini.

Emva kwemizuzu embalwa kwabuya ipolisa elinye laqhuba laya kwisikhululo saseStrand. Landishiya ngaphakathi evenini. Labuya lathi lindisindisile ekubanjweni ngoko ke mandihlawule. Wathi masabelane ngesondo ndaze ndala. Kodwa waqhuba iveni waya kwindawo esecaleni kwisakhiwo esidala waze wandidlwengula.”

 

Igqwetha lakhe uMandy Jaffer uthe kwafunyanwa ikhondom kwindawo yobundlobongela eyathathwa yasetyenziswa njengobungqina.