UKhama Billiat uphefumla ngomdlalo weChiefs neDowns

Khama Billiat of Kaizer Chiefs during the Kaizer Chiefs Media Day on 20 July 2018 at FNB Stadium Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Kudibana iinkunzi
zebhola ekhatywayo kumdlalo omkhulu ngomso. Amakhosi aza kududlana okweenkunzi
zegusha neMamelodi Sundowns kumdlalo weShell Helix Ultra Cup ozakube useFNB
Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga. Nakubeni amatkiti omdlalo engakhawulezi
nje emakhethe – kodwa abalandeli bebhola bazakube bethe ntsho amehlo
koomabonakude xa kudibana amaqela amakhulu kwibhola yelizwe loMzantsi Afrika. Esi
sisiqendu sokuqala seShell Helix Cup ethathe ithuba kwakubonakala ukuba
ayizukubakho iCarling Black Label kulo nyaka ngenxa yendebe yehlabathi
ebisingathwe lilizwe laseRussia. Omabini la maqela azakube ephethe zonke
iziqwayi zawo kumdlalo wangomso – kodwa abalandeli beKaizer Chiefs bafuna
ukubona into enye: uKhama Billiat ebetha iDowns.

UBilliat
ugaleleke eNaturena ekuqaleni kwale nyanga. Ngethuba iChiefs idlala kwiMaize
Cup kwiveki ephelileyo, zibonakele iintlantsi zakhe uBulliat. Ngomso uzakube
edlala okokuqala neSundowns ayidlalele iminyaka emihlanu yonke. Le ndedeba
yaseZimbabwe ikukhabile ukubaluleka kwakho kumdlalo wangomso ngelithi umdlalo
ubaluleke kumntu wonke okwiChiefs. Emva kokulambatha kweChiefs iisizini
ezintathu zonke – uBilliat kulindeleke enze indima ebalulekileyo xa izama
ukubuyisa isidima sayo ebholeni yaseMzantsi Afrika kwisizini eqala kwinyanga
ezayo. “Ngumdlalo omkhulu ngomso; awukho ngam umdlalo – ungeqela lonke. Sizimisele
ukuza neziphumo ezincumisayo ukuze sibone ukuba kunxa andawoni namalungiselelo
wethu phambi kwesizini entsha. Umdlalo uzakuba nzima – kodwa siwulindile. Wonke
umntu wonwabile futhi sijonge umdlalo wangomso,” utshilo uBilliat ngethuba
ethetha neentatheli namhlanje eGoli.

UBilliat uthethe
okokuqala ngokuya kwakhe kwiChiefs nangeyona nto emtsalele eNaturena. “Kuyandivuyisa
ukubonwa yiChiefs njengomdlali ofanele ukuyidlalela. Lithuba elihle kakhulu kum
eli futhi nayo iChiefs liqela elikhulu. Kudala ndakufuna ukudlalela ebaleni
eligcwele abalandeli,” utshilo uBilliat.

UBilliat
uza kufumana ithuba lokuqhogana noLeonardo Castro owayegil’imikhuba naye
emidlalweni ngethuba besadlalela iSundowns bobabini. Ngo-2016/17, bobabini
noKeagan Dolly – odlalela iqela lebhola ekhatywayo laseFrance – bathiywa igama
elithi ‘CBD’. “Ngumdlali osezingeni eliphezulu uCastro; ndingatsho ukuba
bendikukhumbula ukudlala naye. Ndingavuya ukuba singathatha apho sayeka khona.
Ndiyazi ukuba sikwelinye iqela kwaye nendlela esidlala ngayo ngoku inomahluko –
kodwa ndicinga ukuba ikhona into esinokuyenza,” utshilo uBilliat.