Ubuyela eMthatha umdlalo wamanqindi!

USimphiwe Konco uza kulelwa eMthatha ngomso. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Amanqindi abuyela eMthatha ngenyanga yokubhiyozela iminyaka elikhulu wazalwayo umongameli
wokuqala ontsundu, utata uNelson Rolihlahla Mandela nongasekhoyo. Ingxelo zithi
uMadiba wayewathanda amanqindi; bambi bathi wayewudlala nangona engazange
abeyimbethi manqindi ehlawulwayo. ILastBorn Boxing Promotions iza kusingatha
ingxikela yetumente yamanqindi enemilo elishumi elinanye eZamukulungisa, eWalter
Sisulu University, ngentsimbi yesibini ngoMgqibelo.

Omnye wabaququzeleli betumente
uMnu. Mlandeli Tengimfene uthi kuza kutaka iintlantsi. “Zonke iimbethi manqindi
zethu ezilwa kule tumente zithembise ngokwenza ezibukwayo. Yonke imilo iza kutaka
iintlantsi,” utshilo uTengimfene.

OkaTengimfene uthi
uMakazole Tete ophantsi koxinizelelo emva kokungenzi kakuhle amatyeli amaninzi,
uza kothusa abantu ngoMgqibelo. Abantu baza kubona uMakazole omtsha. Uyekile
ukonqena, ukhuthele kakhulu ngoku. Uza kwenza ezibukwayo uMakazole ngala mhla,”
utshilo uTengimfene.

UMakazole Tete uza kujijisana
nge-IBO Intercontinental enganamntu noJonas Matheus waseNamibia kumlo okudidi
lweNtambanani. Inzalelwane yaseMthatha uSimphiwe Konco uza kubeka intshinga
yakhe ye-IBO esichengeni xa edibana noToto Landero wasePhilipine kumlo weNgcongolo.

Kumlo wamanenekazi, uSharedene Fortuin waseMpofu uza kuxhwithana
ngentshinga ye-IBO Intercontinental no-Asanda Nxokwana. “USheradene linenekazi
elinesakhono kakhulu, angawabetha amadoda amaninzi. Emva kwalo umlo, ndifuna
alwe noBukiwe Nonina,” utshilo uTengimfene.

UMfusi Maxhayi waseLitha uza kuqubisana noZama Zokwe
waseMthatha kumlo omijikelo mithandathu kudidi lweJunior Featherweight. KwiLightweight,
uSiseko Makeleni uvana amandla noLuvuyo Mputhi. Kwidabi laseMonti, uXolisa Nkonyane
ungombana noThembinkosi Mlamla kwimijikelo emithandathu yeWelterweight.