Obedlalela iPirates uphel’emehlweni nemali yeChippa United!

Bernard Morrison of Orlando Pirates celebrates goal with teammates during the Nedbank Cup Last 32 match between Orlando Pirates and Ajax Cape Town on 10 February 2018 at Orlando Stadium Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Kuthe kanti
abezi abadlali ababini kwabathathu ekwaqhayiswa ngabo yiChippa United kwiveki
ephelileyo. IChippa United yakhupha ingxelo ebhaliweyo ethi ityikitye
uThamsanqa Sangweni, uBernard Morrison noThabo Matlaba abasuka kwi-Orlando
Pirates. Ezo ndaba zamkelwa ngovuyo olukhulu ngabalandeli beChippa United –
kodwa ekuhambeni kweentsuku, kuye kwacaca okokuba umbandela wabadlali ababini
awukagqitywa ncam. Iindaba ezivakaleyo emva koko zithi uMatlaba uthe uxolele
ukuhlala kwiPirates, alwele indawo yakhe kunokuya kwiChippa United. Kwelinye
icala, uMorrison uyikhanyele eyokuya kwakhe kwiChippa.

  Image may contain: one or more people, people playing sports and outdoor

Emva kokuthi
cwaka kweChippa nePirates ngalo mba wabadlali ababini ixesha elide, namhlanje
kuthe gqi into ethi uMnumzana uSiviwe Mpengesi wathetha naba badlali babini –
kangangokuba wade wanika uMorrison imali engamashumi amabini anesine amawaka
erandi (R24 000). Kuthe kwakucaca okokuba lo mdlali akafuni ukuza
kwiChippa, uMpengesi uthe makabuye imali yakhe. Nayo iPirates ikhuphe ingcaciso
ngokwenzekileyo ngaba badlali ababini.

“Isivumelwano
ebesibandakanya uThabo Matlaba asisekho emva kokuba sibambe iingxoxo ngokuya
kukaMorrison noThamsanqa Sangweni kwiChippa United. Singatsho ukuba kubekhona
utshintshiselwano ngemali phakathi kukaMorrison noMnumzana uMpengesi,” itshilo
iPirates namhlanje.

UMatlaba akayi
kwiChippa kwaye kubonakala ngathi uMorrison uncwase ukuyozama phesheya
kolwandle kunokuya kwiqela laseBhayi.