UDlamini noBici bagqugqisile kwiTsomo Race

Iimbaleki ezimbini, * -Anele Dlamini noXoliswa Bici, baziintshatsheli ezintsha zeTsomo Race

IimbaleKi ezimbini, uAnele Dlamini noXoliswa Bici, baziintshatsheli ezintsha zeTsomo Race.

Ezi mbaleki ziqhube kakuhle kakhulu kwisiqendu sonyaka wesihlanu somdyarho waseTsomo obumkhulu kakhulu.

UDlamini (35) waseThekwini ubambe indawo ephambili kumgama obuyi 21km emadodeni, kanti indawo yokuqala ibanjwe ngokaBici waseNgqamakhwe kumanenekazi kumdyarho obuseTsomo ekuseni ngeCawe edlulileyo.

Le tumente ibiququzelelwe nguNksz. uNomakhwezi Manqaba ebambisene nenkampani ekuthiwa yi-ELCB eqinisekise ukuba iimbaleki zigoduka zinento esandleni.

Wona umdyarho ubuququzelelwe kakuhle futhi nenani labantu abadala nabancinane abathathe inxaxheba belingaphaya kwamakhulu amahlanu.

Umgangatho ubuxhomile kwaye lo nto ibonakele ngokugxalathelana kweembaleki ngethuba zifika entanjeni ngokohlukana kwemidyarho yosuku.

Nakubeni bekukho umdyarho omkhulu eBhayi – kodwa iTsomo Race ikwazile ukugcina umgangatho eyaziwa ngawo uphezulu.

Oku kungqinwe nanguDlamini ophumeleleyo nakubeni ebeqala ukubaleka eTsomo. Ukuphumelela kwakhe uDlamini kumchulumancisile nakubeni iyinto ayiqhelileyo.

“Ndiyakuvuyela ukuphumelela kwam apha. Umgangatho womdyarho ubumhle kakhulu. Bekungekho nzima kwaphela ukubaleka lo mdyarho. Ndiyavuya noxa ukuphumelela iyinto esendiyiqhelile. Akukho nto imbi endiyibonileyo. Ukhuseleko; eyona nto ibalulekileyo – belukhona. Sixhaswe kakhulu endleleni, amanzi siwafumene futhi nemozulu ibintle kakhulu,” utshilo uDlamini kweli phephandaba.

UBici, ophuma kusapho olwaziwa ngokubaleka, uvuyile naye watsho ebalula ukuzilungiselela kakuhle njengeyona nto emncedileyo.

“Ndonwabe kakhulu ngoba kudala ndibaleka kulo mdyarho – kodwa ndingangeni emalini. Into ebi ndibetha kukungazilolongi kakuhle. Ngoku ndiye ndaqonda ukuba mandiziphuthume. Ndikuthanda kakhulu ukubaleka. Umgangatho uqhele ukubaphezulu kakhulu ngoba kuqhele ukubakho iimbaleki eziphezulu eMzantsi Afrika – kodwa namhlanje khange zibe khona ngenxa yomdyarho obuseBhayi,” utshilo uBici.