UMemela ufuna itshayele kwanto iPirates

ULuvuyo Memela weOrlando Pirates

Njengokuba kuvulwa isizini entsha kule mpelaveki, iOrlando Pirates lelinye lamaqela amakhulu eliphantsi koxinizelelo emva kokunqatyelwa ziindebe iminyaka eliqela.

Nangona iPirates ivale isizini edlulileyo ikwindawo yesibini – kodwa akubangakho ndebe – eyona nto ibalulekileyo nefunwa kakhulu ngabalandeli.

Ezimnyama zingena kwisizini ka-2018/19 zinethemba futhi ukuzithemba kufunqukile emva kokuphucuka kwindlela eziqhube ngayo ukusukela oko kwafika uMilutin “Micho” Sredojevic noRulani Mokwena.

Elinye lamasoja kaMicho athembekileyo, uLuvuyo Memela, uthi iPirates kufuneka itshayele kwanto eshukumayo phambi kwayo kule sizini.

Lo kaMemela wenze indima ebonakalayo kwiPirates kwisizini egqithileyo. Ufake amagowuli amahlanu kwimidlalo engaphaya kwamashumi amabini ayidlalileyo.

UMemela uthi indlela elidlale ngayo iqela lakhe inokulinceda lenze umsebenzi ongcono kwisizini entsha.

“Ziliqela iindawo ekufuneka siziphucule; kuyo yonke lo nto – kufuneka siphumelele iindebe. Yeyona nto esiyifunayo leyo. Ukuba bekuya ngam, bendinqwenela itshayele kwanto ephambi kwayo iPirates ngoba sinabadlali abasemgangathweni ophambili. Into efunekayo kukuba sisebenze ngokuzimisela nokumamela abaqeqeshi bethu. Ukuba singasebenzisana njengendlela esiqhube ngayo kwisizini ephelileyo, ndingatsho ndithi ikhona into esiza kuyizuza,” utshilo uMemela ngethuba ethetha neKickOff.

Emva kokucweya namaqela amakhulu kwizwekazi leAfrika kwimidlalo ebiseZambia kutshanje – ngokuqinisekileyo iPirates iza kusebenzela ukuvula isizini kakuhle.

Amabhakaniya amkela iHighlands Park kumdlalo wePSL ngoMgqibelo ngo’20:00 eOrlando Stadium. IHighlands ibuyele kwiPSL emva kokutshatshela kwaNational First Division kwisizini ephelileyo. Nayo inethemba lokuzixhwithela kwiBucs, okungenani ibuye nenqaku kumdlalo wayo wokuqala.