Bakhala esimantshiyane abalandeli ngenxa kaSABC ongenamali

Umfanekiso: SABC

Abalandeli bebhola
bakhale esimantshiyane kumakhasi onxibelelwano emva kokuvakala kweendaba ezithi
ijelo losasazo loluntu, iSABC, ayizukuyisasaza ngqo imidlalo yebhola ekhatywayo
ye-Absa Premier Soccer League koonomathotholo. Ezi ndaba zothusayo zivakele
ngempelaveki phambi kokuqala kwesizini entsha yePSL. Ingxelo ithi iSABC
ayikwazanga ukufumana amalungelo okusasaza imidlalo yePSL ngoba ayinayo imali.
Ukungasasazwa kwebhola koonomathotholo kuvuse umnyele kubantu abaninzi bambi
bambi bayityhole iSABC ngokungafuni ukusasaza ibhola ekhatywayo. Akuphelelanga apho
ngoba ekuqaleni kwale veki kuvakele iindaba ezithi uSABC akazukuyisasaza nemidlalo
yeBafana Bafana ngenxa yokungabikho kwemali.

Ngokwengxelo
yephephandaba laseGoli, iingxoxo phakathi kweSABC neSAFA ngamalungelo okusasaza
imidlalo, ziye zaxinga ngenxa kaSABC osakweleta umbutho olawula ibhola eMzantsi
Afrika imali eqikelelwa kwiR50-million. Ingqonyela yeSAFA, uDennis Mumble,
ixelele iSowetan ukuba kunokwenzeka umdlalo ophakathi kweBafana Bafana neLibiya
kwinyanga ezayo bangawufumani abantu koonomathotholo nakumabonakude. “Akafuni
ukuzibophelela uSABC nathi ngoba akanayo imali. Into abayifunayo ngoku kukuba
sibize imali engaphantsi kwaleyo sasivumelene ngayo kwisivumelwano sethi
sangaphambili. Iingxoxo zaqala ekuqaleni kwalo nyaka, nangoku asikavumelani
ngoba uSABC akanamdla webhola – yindlela endibona ngayo,” utshilo uMumble.

Umphathiswa
wezemidlalo kuzwelonke, uTokozile Xasa, uvakalise ukuxhalatyiswa kwakhe ngulo
mba watsho ethembisa ngokudibana nabaphetheyo kwiPSL neSABC. “Ibhola ilandelwa
kakhulu ngabantu abatsalanzima nabasebenzayo kweli lizwe. Sithetha ngabantu
abasezilalini, abaqhubi beeKhombi nabezigadla abaxhomekeke kunomathotholo ukuze
bafumane imidlalo. Ndiza kudibana nabaphethe ngoba isigqibo sabo sibeka
emngciphekweni imisebenzi emininzi. Izigqibo zabo mazingachaphazeli kakubi abantu
abangathathintweni. Ndiqinisekile ukuba sakufumana isisombululo esakubavuyisa
abantu abathanda ibhola,” itshilo ingxelo ekhutshwe yi-Ofisi kaXasa.