Iintliziyo
zabadlali
kokubethwa yiMamelodi Sundowns izolo – kodwa akukho ntlungu eyodlula
ukonzakaliswa komdlali ngeShibobo alifakwe nguThemba Zwane. Esi siganeko
senzeke ekunene, uZwane uthe gqi nebhola ayinyengeza phakathi kwemilenze
yomdlali weCity ohlabe ngentloko phantsi emva kokungayiboni ibhola. Amasandawana
bethe iPolokwane ngamagowuli amabini (2-0) kumdlalo we-Absa Premier Soccer
League obumhle kakhulu ePeter Mokaba Stadium. Amagowuli weDowns afakwe Ricardo
Nascimento noLebo Maboe. Ngoku iSundowns ihleli kwindawo yesibini kwiPSL,
ilandela iBidvest Wits ebethe iKaizer Chiefs ngo’3-1 kumdlalo obuseFNB Stadium.
UZwane ubancomile
oogxa bakhe emva komsebenzi omhle abawenzileyo izolo. Le ndedeba ichongwe
njengomdlali oqaqambileyo emdlalweni wayizolo. “Ndifuna ukubulela oogxa bam
nabaqeqeshi abandinike ithuba lokudlala. Sidlale kakuhle kakhulu namhlanje.
Besiwadinga amanqaku amathathu kakhulu.
iindawo ekufuneka ndizilungise,” utshilo uZwane kwiTV emva komdlalo.
UZwane umqhabele
izandla uLebohang Maboe obenomdlalo omhle okwafake negowuli lesibini
leSundowns.
Amakhosi akrolonqwe ngenduku yiMamelodi Sundowns yathatha indebe!