UDan Malesela uhleli ngempund’enye kwakhona kwiChippa United

Dan Malesela, coach of Chippa United during the Absa Premiership 2016/17 match between Maritzburg United and Chippa United at Harry Gwala Stadium, Pietermaritzburg South Africa on 29 Nomvember 2016 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Umqeqeshi weChippa
United uhleli ngempund’enye emva kokunwenwa kweendaba ezithi angagxothwa
yiChippa United. Iingxelo zithi abaphetheyo kwiChippa United babambe
intlanganiso namhlanje – apho kuxoxwe ngeziphumo ezifunyenwe liqela kwimidlalo
emithathu edlulileyo. IChippa United idlale imidlalo emithathu qha kule sizini.
Ibethwe kwimidlalo emibini – yaze yadlala ntanganye kumdlalo omnye. Kwimpelaveki
egqithileyo, iChippa United ifumene inqaku layo lokuqala kule sizini emva
kokudlala ntanganye ngo’2-2 neBlack Leopards kumdlalo obumhle kakhulu eSisa
Stadium.

Yintlal’isenzeka
kwiChippa into yokugxothwa kwabaqeqeshi, qho xa izinto zingahambi kakuhle – igxotha umqeqeshi ngokukhulu
ukukhawuleza. Kwisizini egqithileyo, uDan Malesela, wagxothwa nguChippa
Mpengesi emva kwemidlalo emithathu. Endaweni yakhe kwangena uTeboho Moloi
owagxothwayo naye izinto zakungamhambeli kakuhle. Ngale ntlwa, uMalesela
uxelele iMetro Sport ukuba uvile ngeendaba ezithi angagxothwa. “Akukho nto
ithethiweyo kum, bendisebaleni namhlanje ekuseni. Emalanga ndibaxelele abadlali
ngale nto. Ndiqhelile ukuba kwesi simo, ndilindele nantoni na engenzeka,”
utshilo uMalesela ethetha kwinkqubo kaRobert Marawa.

Ingxelo
epapashwe yiSoccer Laduma ithi kuvakala ngathi ngu-Eric Tinkler ongangena
kwisikhundla sokuqeqesha kwiChippa United. UTinkler akanalo iqela ukuseka oko
wabeka phantsi kwiSuperSport United ekuqaleni kwalo nyaka.