Ufunyenwe eswelekile umfundi waseCPUT ngelixa omnye efunyenwe ephila!

USinaye Hlanjwa umfundi waseCPUT ofunyenwe ephila. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

EKAPA: KUYALILWA kwaCosa emva kokuba ifunyenwe iswelekile intombi yabo ebingumfundi waseCape Peninsula University of Technology (CPUT) uOlwethu Cosa, ngelixa kuvuywa kwaHlanjwa nanjengoko uSinaye Hlanjwa nokwangumfundi walapho efunyenwe esaphila.

UCosa obesenza izifundo zeRetail Business Management walahleka ngomhla we11 kule nyanga. Usapho lwakhe nolubonakele lukhathazekile luthe uza kungcwatyelwa kwikhaya lakhe eBhayi ngomhla ongekaziswa.

Ukanti luyavuya lona usapho lukaHlanjwa nanjengoko efunyenwe ephila uSinaye oneminyaka engama24 owenza iZifundo zaseLwandle (Maritime Studies) owalahleka ngomhla wokuqala kwakule nyanga. Bobabini bafunyenwe ngempelaveki.

Amapolisa aphanda unobangela wokubhubha kukaCosa.

ICPUT ikhuphe isibhengezo esithi iza kuqinisa ukhuseleko ukuze inqande lo mkhwa wokulahleka kwabafundi esikolweni.


“Aziqali ukwenzeka iziganeko ezinje apha. Kwangena isoka laseBhayi apha laze labulala isinqandamathe salo. Lo nto yenzeka apha kwiindawo zokuhlala abafundi.”