Kuyamchwayitisa uMario Booysen ukudlalela iKaizer Chiefs

UMario Booysen ngumdlali omtsha weKaizer Chiefs. Umfanekiso: Kaizer Chiefs

UMario
Booysen kumchwayitisa ukuba ngumdlali weKaizer Chiefs. Kwiinzame zokuqinisekisa
ukuba Amakhosi abuyisela isidima sawo kule sizini – uBobby Motaung ubhengeze
uMario Booysen noLebogang Manyama njengabadlali abatsha beqela lakhe. UBooyseen
ngumdlali wasemva othathwe kwi-Ajax
Cape
Town emva
kokuthotyiselwa kwayo kwisizini egqithileyo. Ufika kwiChiefs isengxakini emva
kokungahlangani kakuhle kwabadlali bayo basemva kwimidlalo eyidlalileyo kule
sizini. Emva kokutyikitya isivumelwano seminyaka emini kwiChiefs, uBooysen uthi
kumnandi kuye kakhulu ukubuyelwa kwibhola ekhatywayo kwiPSL.

“Xa
unezinto ozinqwenelayo, kufuneka usebenze kwiChiefs. Yayingumqweno wam
kwakudala ukudlalela iChiefs ngaphezulu kwawo wonke amanye amaqela eMzantsi
Afrika. Ihamba phambili iChiefs, amanye ayalandela. Ndiyabathembisa abalandeli,
ndiza kuwenza umsebenzi wam ebaleni. IChiefs indinikika ithuba elitsha lokuhlaziya
ikhono lam kwaye ndizimisele ukuqinisekisa ukuba eli qela liphumelela iindebe
ukuze abalandeli baziqhenye ngalo,” utshilo uBooysen kwikhasi lomnatha
leChiefs.

Njengokuba Amakhosi
endwendwela iSuperSport United kumdlalo weMTN 8 ozakube useLucas Moripe Stadium
– kunokwenzeka uBooysen adlale kuwo.