Kudiban’iinkunzi zebhola kwiMTN 8 kule mpelaveki

USompempe uVictor Gomes kwi2018 MTN8 kumdlalo obuphakathi kweKaizer Chiefs neFree State Stars eSoccer City eRhawutini UMFANEKISO: Gavin Barker/BackpagePix

Abalandeli bebhola ekhatywayo baza kufumana imidlalo esezingeni eliphezulu kwakhona xa kudibana iinkunzi zebhola ekhatywayo kwimidlalo yeMTN 8 – eyaziwa ngegama elithi “Wafa Wafa” ngenxa yokhuphiswano olwashiya abantu bengakholelwa kokwenzeka ebaleni.

IMamelodi Sundowns indwendwela iCape Town kumdlalo okulindeleke utsale umdla wabantu abaninzi eCape Town Stadium ngo’15:00 ngoMgqibelo.

Umdlalo uza kuba nzima ngoba uPitso Mosimane neqela lakhe bayifuna ngamandla le ndebe esekulithuba beyizingela.

Emva kokugqwidiza kwiCaf Champions League, iDowns ifuna ukulungisa izinto kumdlalo ophambi komdlalo weveki ezayo.

UBenni McCarthy uqeqesha iqela elisoloko lilangazelela indebe. Kwisizini ephelileyo, iCity yabethwa kumdlalo wokugqibela yiSuperSport United. Kweli ityeli iCity iza kulwela ukuya kumdlalo wokugqibela weMTN 8.

Njengendoda eyiqhelileyo impumelelo, uMcCarthy unomnqweno wokufumana impumelelo efanayo naleyo wayifumana esengumdlali.

UTeko Modise ngomnye wabadlali ekulindeleke bancede iCity. Amava anawo angalulutho kakhulu xa iCity idlala neSundowns ngoba imidlalo emikhulu inzima kwaye iye ifune oomakad’enetha njengoModise.

Kwelinye icala, uGiovanni Solinas, ophantsi koxinizelelo ufuna ukuqhuba kakuhle kwiMTN 8 ukuze axolise abalandeli.

Amakhosi adibana neqela eliyingxaki, iSuperSport, eqeqeshwa nguKaitano Tembo ofuna ukuziqaqambisa emva kokunikwa ithuba lokuba ngumqeqeshi oyintloko kule sizini. La maqela mabini aza kungquzulana eLucas Moripe Stadium ngo’15:00 ngeCawe.

UTembo uza kuthembela kumakhwahla afana noReneilwe Letsholonyane, uDean Furman noRusike.

Kanti yena uSolinas unethemba lokuba uSiphelele Ntshangase, uLeonardo Castro noKhama Billiat bakuphinda indlela abadlala ngayo ngethuba iChiefs ibetha iFree State Stars kutshanje.

“Imidlalo emine kwiPSL ngaphandle kwempumelelo yinto engalunganga – kodwa ndinalo ithemba,” utshilo uSolinas.

pedro.mapeloinl.co.za