Utitshala ubacheba iintloko ngenkani

Umfundi wesikolo iUpper Gxulu Primary kuQoboqobo ubuye esikolweni iinwele zakhe zichetyiwe yititshalakazi ngaphandle kwemvume yomzaliUmfanekiso: BHEKI RADEBE

ABAZALI abathile abanabantwana abangamantombazana abafunda eUpper Gxulu Primary kuQoboqobo, baxakene nento kuba bengayazi ukuba kutheni abantwana babo abangamantombazana bavele baguntshulwe ngesikere xa befakele entloko.

Ngabantwana abangamantombazana abaliqela eUpper Gxulu Primary abathe bachetywa ngesikere kwiinwele zabo abazifakele entloko, babe abazali bengenalwazi lesona sizathu.

UNosandla Bhungane onomzukulwana oyintombazana oneminyaka emihlanu, nowenza uGrade R kwesi sikolo, uthi ubone ngomntwana ebuya echetywe ngemva kumsila wohlobo afakele ngalo.

“Ukuba uchetyelwe ntoni ngesikere andazi, kuba abazali babevumelene nesikolo ukuba abantwana bangafakela. Ndicinga ukuba bekuza kuba ngcono ukuba lo titshala ebeyixelile eyona ngxaki yakhe ngeenwele zomzukulwana wam,” utshilo uBhungane.

UBhungane uthi umzukulwana wakhe akayixeli ncakasana eyona nto ebangele ukuba achetywe.

“Andiyithandi into yokubona sele echetyiwe ndingasazi isizathu. Qha ndibone ukuba mandithule, ndingayobuza esikolweni kuba naku ndingaxelelwanga isizathu,” kutsho uBhungane.

Omnye umzali ochetyelwe umntwana intloko kwesi sikolo, uthi akakhange athathe manyathelo kuba uzibonile iinwele zomntwana wakhe ukuba bezifakelwe zande.

ISithethi seSebe lezeMfundo eMpuma Koloni, uMali Mtima, uthi noxa nje engayazi owona nobangela wokuchetywa kwabantwana eUpper Gxulu Primary, intshukumo enjalo ixhomekeke kwisivumelwano sesikolo nabazali.

“Le nto ixhomekeke kumgaqonkqubo wesikolo, kodwa ke mandiyithethe eyokuba abantwana bayathanda ukuyityeshela le migaqonkqubo, bathethe xa kukho intshukumo. Imigaqonkqubo, ngokohlukana kwayo ezikolweni, yenzelwe ukuba abantwana bazibone bebanye esikolweni.

“Into engafunekiyo ngemigaqonkqubo yesikolo, kuxa inyhasha ilungelo lomntwana kwezemfundo,” utshilo uMtima.