Idlulela phambili kwakhona iCape Town City kwiMTN 8

Riyaad Norodien of Cape Town City Tis challenged by Thumb Zwane of Mamelodi Sundowns during the MTN8 Semi Final 2nd Leg match between Mamelodi Sundowns and Cape Town City on the 02 September 2018 at Lucas Moripe Stadium / Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Le yiveki
engasoze ilibaleke kwiMamelodi Sundowns emva kokuba ikhutshwe kwiCaf Champions
League nakwiMTN 8 ngokulandelelana. Namhlanje
iCape Town
City
idlulela phambili
kwiMTN 8 emva kokuba ibethe iSundowns ngo’4-2 kumapele eLucas Moripe Stadium.
Iphumelele ngo’1-0 emdlalweni iDowns, kodwa ngoba nayo iCity yayiphumelele ngo’1-0
kumdlalo wokuqala – kuye kwanyanzeleka ukuba kuyiwe ngqo kumapenela emva kokuba
kuphele imizuzu engamashumi alithoba lingekho eliphumeleleyo ngokucacileyo. Umdlalo
wamagqibela kankqoyi weMTN 8 yimpinda yomdlalo wonyaka ophelileyo owawubanjelwe
eMoses Mabhida Stadium – apho iSuperSport United yaphumelela khona indebe
isephantsi kwesandla sika-Eric Tinkler.

Amasandawana
aye kwixesha lokuphumla ehamba phambili ngegowuli elifakwe nguSilva ofumene
ibhola esuka kuMeza emva kwembumbulu yebhola echithwe ngunozinti weCity –
uPeter Leeuwenburgh, oncede iCity kumapenele ukuze udlulele phambili kwiMTN 8. Njengeqela
ebeliphantsi koxinizelelo, iDowns yiyo ebihlasela ingayeki ikhangela igowuli
lempumelelo. UCraig Martin – omnye wabadlali athembele kubo uBenni McCarthy –
uzamile emdlalweni wanamhlanje, kodwa uDenis Onyango ebengafuni kwanto
ezipalini zakhe.

Sivulwe kakubi
isigaba sesibini somdlalo emva kokuba kuye kwanyanzeleka okokuba uKekana
noNodada bakhutshwe ngenxa yokonzakala. UThemba Zwane, uMezza noSilva baquqe
bebuyelela kumhlaba weCity – kodwa abalifumana igowuli lempumelelo. UTeko Modise
noNana Akosah-Bempah, ongene kwisigaba sesibini somdlalo endaweni ka-Ayanda
Patosi, bazamile ukunkqonkqoza kwiipali zeDowns – kodwa akwavuleka. Ukubethwa kwayo
iDowns kuthethe ukuthi ukhutshwe kwiChampions League nakwiMTN 8 ekudala
yayizama kwiveki enye. Ngoku uPitso Mosimane nabadlali bakhe baza kuzama
ukuphucula umdlalo wabo kwimidlalo yePSL emva kwekhefu leFIFA kwiveki eqala
ngomso.

Mamelodi Sundowns: Onyango, Langerman, Morena, Lebusa, Arendse, Kekana,
Mabunda, Sirino, Zwane, Silva, Meza.

Amalalela: Ngobeni, Laffor, Brockie, Lakay, Vilakazi, Madisha, Maboe.

Cape Town City:
Leeuwenburgh, Mkhize, Seedat, Mnogonyama, Fielies, Modise, Patosi, Norodien,
Nodada, Martin. Rusike.

Amalalela: Stephens, Kouassi, Links, Akosah-Bempah, Cupido, Matsi,
Abrahams.