Amadoda mawohlukane nokuqokelela iipads

Ukuba urhulumente unyanisile ufuna ukuphelisa ukuxhatshazwa nokubulawa kwabantu ababhinqileyo ngamadoda, kuza kufuneka anyaniseke, futhi ayohlule ukuba idemokhrasi iqala phi iphelele phi.

Abantu ababhinqileyo bayadlwengulwa, bayabulawa ngamadoda ngendlela emanyumnyezi mihla le, akude kubekho sisombululo kwaye nezinga alehli.

Ingxaki yeyokuba urhulumente akabuzi, usuka asebenzise umgaqosiseko ongathethi le nto ithethwayo kuba kaloku yena unguvulazibhuqe nokuba uyabona ukuba kunyembelekile kusetyenziswe elinye iqhinga.

Ewe, umakulinganwe ulungile, kodwa kukho iimfihlelo ekufuneka zihlonitshiwe esintwini ukulungiselela ukuba kuhlaliswane kakuhle, yiyo loo nto kukho imithetho elawula isini esithile, loo nto ke yenza ukuba ezi zini zinganyathelani, koko zihloniphane.

Ewe ndiyayazi, kwaye ndiyilindele into yokuba kukho abaza kunxakama yile ntetha yam, ingakumbi la madoda oyika amanye, athi ke ngoku ukuzibonakalisa avele ahlasele umntu ongumama, ingakumbi xa ethetha inyani, aza kugragrama ke.

Kodwa ke le ndiyithethayo xa sele uyizikisa itsho emxholweni ngokwesintu.

Umntwana oyintombazana ube sithi akufikisa afundiswe izinto zobudala ngoodade boyise okanye oodade bakhe abadala, noonina.

Umntu oyindodana ebenemida kuba kaloku soze akhule mabele okanye aye engceni. Iyafana ke nakulo uyinkwenkwe, ebethi akufikisa axelelwe indlela yokuziphatha ngabakhuluwa bakhe okanye ooyise. Loo nto ibingelocalucalulo ngokwesini.

Kukho lo msinga mtsha ke ngoku wamadoda ama emaqongeni engathi enza into nantso, eqokelela izishubelisi zabantu ababhinqileyo (sanitary pads).

Ndisoloko ndizibuza umbuzo wokuba kwenzekani apha kuwo entloko kuba kaloku ngumsebenzi woomama lo, hayi amadoda.

Ndizibuza imibuzo emininzi, ndide ndizibuze ukuba ingaba bethu ayema phakathi kwamanye amadoda athi ngendyondyo, ‘Hayi ndiqokelela iipads zoomama?’ Inokuba ayabhideka amadoda oqobo.

Kukunyhashwa kwentlonipho zobuni nesidima samabhinqa oku kwenziwa ngaloo madoda (violation of women’s privacy and dignity). Mawakhe axoze mphini wumbi, okanye azibuze ukuba ubudoda apha kubo kukuthini.

Ndikhula zingekho ezi zishubelisi zabantu ababhinqileyo abazisebenzisa xa besengceni. Nathi siyile esikolweni, ukanti ke nabangaphambi kwethu bayile esikolweni bengazange baphosa suku esikolweni kuba besengceni.

Bubuvuvu obu buthethwa ngoosopolitiki nabanye oosomashishini, lulwimi etywaleni, zange saphoswa nalusuku olunye esikolweni kuba sisengceni, kwaye sasisokola ncam ekukhuleni kwethu, ootata bephangela emigodini.

Okwesibini, akukho kwankwenkwe eyayinokuthi ibone nto entombazaneni esexesheni, kuba kaloku sasifundiswa ngabazali ukuba masenze kanjani, kwaye kwakungekho nto idibanisa nantlupheko.

Ngoku iyandibhida intetha engenanyani ethi abantwana abasokolayo baphoswa ziintsuku bengayi esikolweni kuba bengenazishubelisi xa besexesheni.

Into yesibini endibhidayo ngala madoda ufika emisa ngeeprojekthi zawo eziqokelela ezi zishubelisi, kuba besithi bancedisa abantwana abasokolayo abangamantombazana. Amadoda angena phi na kanene kwizishubelisi zabantu ababhinqileyo?

Xa unokubuza indoda ibenye ukuba sisetyenziswa njani esi sishubelisi, ingaphendula ngelithini? Into amakayilumkele urhulumente kukuba esandisa izidlwengu ngabasinga-basizeli, kanti emva kwendlu ziinjongo ezingezinye.

Ndiyabeva naba bathi banceda abatshana babo okanye oodade babo, bubuvuvu obo. Kutheni engakhuphi imali amnike ayokuzithengela ezi azifunayo nje?

Umbuzo endinawo, ingaba la madoda ziphelile izinto anokuzenza ukuphuhlisa abantu ababhinqileyo? Okanye bethu angathini la madoda xa ingumntu obhinqileyo onokuvela necebo lokunceda amadoda kwiingxaki zawo?

Uyakukhumbula ke mfundi ukuba kukho ixesha apho uGqirha ongumama waseBhayi wakhe weza necebo leTaraclamp ngexa ekwakubhubha abakhwetha kakhulu kweli lethu, bakhwetha abo abasabhubhayo nanamhlanje amadoda ekhona.

Indlela awathukwa ngayo loo gqirha kuba elibhinqa, kuba ethetha ngelungu angenalo, ilungu lobudoda. Yohluke njani ke le kuba akukho ndoda yakhe yaya engceni, ingasoze ibe khona futhi.

Amadoda asikhalisa qho ngeeholide zeyeSilimela (June) neyoMnga (December), abanye bethu singabukeli nezo ndaba okanye bangafundi naloo maphepha kuba kaloku siza kuva ngabakhwetha ababhubhileyo nabonakalelwe bubudoda babo.

Okokuba wakhe wahlala emva kocango mhla ngefuku, ngekhe ungakhali xa unikwa inani labantwana ababhubhe ngenxa yokungahoywa emabhumeni.

Kutheni amadoda engaphumi iphulo nje aze nesisombululo kuyeke ukumoshwa imali, kulaliswe abantu ezihotele beyokubuka ukufa kwabantwana bethu?

Amadoda makhe siwave esithi #isixhobo sokukhusela ukufa kwabakhwetha, ayeke ukuthi #ukuthengisa ngesixhobo sokukhusela abaya engceni.

Mawakhe ayeke ukubangamagwala, mawajonge ezamadoda, ayeke ezasegoqweni, aza kuphuma amabele.