UKoloba uza kuba ngumncedisi kwiChippa

Njengokuba kutshintshwe umqeqeshi kwiChippa United kwiveki ephelileyo, uEric Tinkler uze nomncedisi wakhe.

UVincent Koloba, obefudula edlalela iCape Town City kwisizini egqithileyo, ngumncedisi kaTinkler ngokusesikweni. Ezi ndaba zidizwe ngumqeqeshi buqu emva kokugaleleka eBhayi.

La madoda mabini asebenze kunye ngethuba ekwiCity – apho afumana indebe avala nesizini kwindawo yesithathu.

“Mnye qha umntu endiza naye kwiChippa nguVincent Koloba. Ndiqinisekile uyakuba negalelo elibonakalayo. Kwicala labadlali, ndicinga ukuba kufuneka ndibabone abadlali bezilolonga phambi kokuyiqwalasela lo nto – kodwa ndicinga ukuba kukho iindawo ezimbini ezifuna ukuqiniswa,” utshilo uTinkler.