Izakugwetyelwa ukubulala umntana wayo onenyanga eziyi14 indoda yaseKhayelitsha

EKAPA: IFUNYANISWE inetyala lokubulala ngokukrwitsha intombi yayo eneenyanga ezilishumi elinesine, indoda yaseKhayelitsha yiNkundla ePhakamileyo yaseNtshona koloni.


UNtuthuzelo Mayekiso oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu wafunyaniswa enetyala lokudlwengula nokubulala umntwana owayeneminyaka elishumi elinesithathu.


Ijaji yenkundla uTaswell Papier, uyikhabile ingaciso kaMayekiso ethi uLindokuhle Kota wawa kumatshini wokuhlamba iimpahla waze wabetheka ngentloko.


UKota wayegcinwe nguMayekiso ngomhla wesixhenxe kuCanzibe kulo nyaka uphelileyo.


Ingxelo yoqhaqho lomzimba yabonakalisa ukuba uLindokuhle wasweleka ngokukrwitshwa, waze wafumana ukonzakala ngaphandle nangaphakathi emzimbeni.


UTaswell usebenzise ubungqina bomntak’ boMayekiso, uNdumiso, ukuze afumanise uNtuthuzelo enetyala.  


UNdumiso uthe weva isikhalo somntwana esingapheliyo ngomhla wesixhenxe kuCanzibe kulo nyaka uphelileyo esasiphuma kwigumbi likaNtuthuzelo.


“Emva koko wamsa egumbini likamama. Wafika apho esopha ngomlomo. Kwanyanzeleka ukuba asiwe esibhedlele,” utshilo uNdumiso.


“Andisiboni isizathu sokuba makaxoke umntakwenu. Kucacile ukuba lo mntwana wabulawa zizivubeko ezabangelwa nguwe. Wayenza lo nto ngeenjongo zokumbulala. Wavisa umntwana oneenyanga ezilishumi elinesine iintlungu,” utshilo uTaswell.


Uthe ingxelo yoqhaqho lomzimba yafumanisa ukuba indlela awonzakala ngayo uLindokuhle ayihambelani nokuwa nanjengoko esitsho uMayekiso.


“Iziphumo zabonakalisa ukuba wavinjwa umoya umntwana. Wayekrwelekile entanyeni, wayedumbe ingqondo. Lo nto icacisa mhlophe ukuba wakrwitshwa,” utshilo uTaswell.


Inkundla ithe iza kubiza usapho lukamama womntwana linike ubungqina nalo ukuze agwetywe ubomi uMayekiso.


Kanti lona igqwetha lakhe lithe liza kuthetha nosapho lakwaMayekiso ukuze kuncitshiswe isigwebo.


Unontlalontle waseKhayelitsha uNomava Mbhekwa, uthe uyavuya xa ede wafunyaniswa enetyala uMayekiso.


“Ugqithile unyaka siquqa ezinkundleni kuxoxwa eli tyala. Into eseleyo ngoku kukuba udlale indima yawo umthetho. Bayaphela abantwana bebulawa zizizalwane zabo eKhayelitsha. Ndiyalubulela ngokuthetha inyani usapho lakwaMayekiso,” utshilo.