Ukuxhatshazwa kubangele umama abulale umntwana!

UNtefeleng Lethatsa owabulala umntana wakhe ngelixa wayezama ukuzibulala

IINYEMBEZI bezintywizisa eNkundleni ePhakamileyo yaseNtshona Koloni ngelixa uNtefeleng Lethetsa waseStrand echaza okwenzekayo ngoTshazimpuzi kulo nyaka uphelileyo, mhla imveku yakhe eyayineeveki ezintathu yasweleka emva kokuba wantumeka umlilo kwityotyombe losapho lwakhe.

ULethetsa nojongene netyala lokubulala loo mveku nelokuzama ukubulala, uxelele inkundla ukuba wagqiba kwelokuba azibulale kuba wayengakwazi ukumelana nemeko yendoda yakhe efuna isondo yonke imihla.

Eli tyala lixoxwa kanye ngeli xesha ihlabathi liqwalasela usuku lokuzibulala.

Uthe walintumeka ityotyombe labo ngeparafini ngelixa wayencancisa olo sana kuba wayefuna babhubhe bonke.

Omnye umntwana wakhe ononyaka wasindiswa kwayile ndoda yakhe eyathi yophula ifestile yamhlangula kwakunye noLethatsa. Usana lasweleka kwangoko.

“Iinjongo zam yayikukuzibulala kunye nabantwana bam,” utshilo elila.

ULethatsa uthe kudala exhatshazwa ngumyeni wakhe kangangokuba wayebethwa, wade waya esibhedlele kabini. Uthe wacetyiswa ngumcuphi kwityeli lesithathu emva kokubona izivubeko ngelixa wayeyokumangala.

Uthe eyona nto ibiphembelela le mpathombi ibikukuba engaphangeli, exhomekeke emyenini.

“Ndade ndammangalela kweyoMnga ngo2014 emva kokuba watya imali yonke ebutywaleni, bashiyeka belambile abantwana.”

“Ndandiphila phantsi kweemeko ezibuhlungu ndibethwa. Kulapho ndafikelela kwelokuba mandizibulale ngokwam kunokuba ndibulawe nguye,” utshilo uLethatsa.

Ebuzwa yiJaji yeNkundla uMushtak Parker isizathu sokuba agqibe kwelokuzibulala nabantwana bakhe, uLethatsa uthe qho xa efuna okanye ecela into, indoda yakhe ifuna isondo.

UParker uyalele umcuphi ukuba athathe uLethatsa amse kugqirha wengqondo ayokuhlolwa. Ukhululwe ngebheyile. Ityala limiselwe inyanga ezayo.