Abasetyhini bazama umanyano

Amagorhakazi edibene kwigumbi kumsitho obubanjelwe eMonti

Okucace mhlophe kukuba amanina enziwe ngokwahlukileyo, kodwa okubalulekileyo kukuba sazi ukuba iinzingo esidibana nazo singabasetyhini ziyasimanya.

Inye indlela abasetyhini abangaqhubela phambili ngayo kukuba babelane ngamava ehambo yabo kuba iintshutshiso odibana nazo zingayinkuthazo nethemba kwamanye amanina.

Lo ngumyalezo ophume kumagorhakazi ebethetha kumsitho oququzelelwe yinkampani iPammy G Motivations obubanjelwe eMonti. Enaba ngalo msitho, umququzeleli wawo uPamela Giba uthe: “Injongo yalo msitho kukuxhobisa abasetyhini nto leyo engasoze yenziwe ngokwaneleyo kuba sisaphila kwilizwe elonganyelwe ngamadoda.”

UGiba uqhube wathi “Ngumsitho wesibini wolu hlobo esiwubambileyo ngenyanga yamanina, sabanowokuqala ngo2016, ukanti kulo nyaka ndikhuthazwe ngumxholo obhengezwe ngumongameli welizwe othi #PressForProgress.

UGiba ukwathe imiba edla abasetyhini lubizo lwakhe, kwaye uyazingca ebulela ngempumelelo yalo msitho kananjalo uzimisele ukubamba imisitho yolu hlobo nakumaphandle eBuffalo City. Phakathi kwezithethi zembeko kulo msitho kungabalulwa uAndiswa Msi obethetha ngobugcisa kwezoshishino, uGqirha Mandilakhe Ketelo obekhuthaza abasetyhini ukuba bazame ukufumana ukuba yintoni ubizo lwabo, ukanti unkosikazi Nomvuyo George yena ebethetha ngebali lakhe lokunyamezela iinzingo kwanokubaluleka kokwenza okulungileyo nangamaxesha kaxakeka.

Abasetyhini kulo msitho bayiqukumbele inyanga yamanina benxibe umbala obomvu nomnyama njengophawu lokomelela nokunyamezela.

– isibhalo@inl.co.za