Izigidi zeerandi zokulwa nembalela eAmathole

Abahlali beelali ezingaphantsi koMasipala iAmathole bafumene inkxaso yezigadla zezithuthi zamanzi ezivela kwiSebe lezaManzi kuzwelonkeUmfanekiso:BHEKI RADEBE

Yimali eqikelelwa kumashumi amathathu eerandi (R30 million) ethe yabekelwa bucala ukulwa nembalela kumasipala wesithili iAmathole.

ISebe lezaManzi noGutyulo lweLindle liphumeze le mali ukuze kuthengwe iiloli, ze kuphindwe kuthengwe izixhobo zokomba amanzi (borehole).

Oku kulandela emva kokuba idama elikhulu eliseXilinxa eNgqamakhwe nelijongene neelali zonke zoMnquma litshe layokuma kumyinge wesithathu ekhulwini (3%) ngethuba bekunqabe imvula, nto leyo iye yabangela intsokolo eluntwini.

Abona bantu bebechaphazeleka kakhulu kwimbalela yaseAmathole ngabo bahlala kwiilokishi zaseGcuwa kwakunye nasedolophini eDutywa.

UManejala woMasipala iAmathole, uThandekile Mnyimba, ulincomile eli nyathelo lithe lenziwa leli sebe ngokuthi lisabele kwisikhalo sabo.

Uthi ngenyaniso umngeni kuluntu lwaseMnquma kwakunye noMbhashe usekhona nangona nje ibikhe yana imvula, kwaye yonyusa nomthamo wamanzi ukuya kumashumi amane anesithathu ekhulwini (43%) kweli dama laseXilinxa.

UMnyimba uthi kusafana nokungathi akwenzekanga nto kuba eli dama zininzi iindawo elijongene nazo. Uthi izakhiwo neziseko zidala kwaye zifuna ukuqalelwa hayi ukulungiswa. USodolophu woMasipala uMnquma, uSithembiso Ncetezo, ubulele ngolu ngenelelo lweAmathole kwingxaki abanayo yokunqongophala kwamanzi, esithi amanzi yinto ekungasoze kuphilwe ngaphandle kwayo.

Nangona encoma nje kodwa uthi azonelanga iiloli ezimbini kwindawo yabo kuba bajongene neelali ezininzi, kwaye eziqeleleneyo kodwa akufani nokuhlala.

UManejala wengingqi yaseMbhashe kwakunye noMnquma nojongene nokulungiswa kwezixhobo zamanzi, uSakhiwo Balfour, uthe ezi loli ziza kulenza igxathu kwiilali zoMbhashe noMnquma.

USekela Mphathiswa wezaManzi kwakunye noGutyulo lweLindle kuzwelonke, uPam Tshwete, uthi ubone kubalulekile ukusabela kwikhwelo lomasipala wesithili iAmathole kuba amanzi ngundoqo.

UTshwete uyale abaqhubi bezi loli nabebekhona nabo ngaphakathi, esithi aze angathengiswa amanzi, mawafike eluntwini simahla.

Iiloli ezinikeziweyo zibe lishumi. IMnquma ifumene zambini, iMbhashe zambini, Raymond Mhlaba zambini, iNgqushwa zambini ze yanye eAmahlathi kwakunye naseGreat Kei.