Bekuyimivuyo
yodwa kwisikolo saseMdantsane, kwaNU 2436, ekuthiwa
emva kokunikwa izipho ezibalulekileyo yinkampani yakwaMTN. Namhlanje uMTN
uphise ngezikipha zebhola ezitsha kraca ezipheleleyo, iibhola nezihlangu
zokukhaba ibhola eNobhotwe. Umsitho wokwamkela izipho ubuzinyaswe yinqununu
yesikolo, uMnu. Mkhululi Mnqekeza, ootitshala besikolo, igosa lezemfundo eliphezulu
eBuffalo City, amagosa wakwaMTN, amagqala ebhola ekhatywayo, uPatric Mayo noThabo
September, namalungu esigqebe esilawula isikolo. Njengokuba kusaqhuba
ukhuphiswano lweMTN 8 – kwelinye icala uMTN unephulo elijikeleza ilizwe lonke
namagqala ebhola athi axhobise abantwana abasakhulayo ngamacebo okudlala ibhola
ekhatywayo nokumelana nobom nje ngokubanzi.
Abantwana
abafunda eNobhotwe babenethamsanqa elingummangaliso ngoba bafumene nethuba
lokubona indebe yeMTN 8 edlalelwa ngamaqela akwiPSL ngamehlo enyama njengokuba
abantu abaninzi bephelela ekuyiboneni kumabonakude. Inqununu, uMnu. Mnqekeza, iyibulele
kakhulu into eyenzelwe isikolo sayo yinkampani yezonxibelelwano – uMTN. “Senza
umbulelo omkhulu kuMTN. Usincedile ngoba kaloku ekugqibeleni izinto abasinike
ikiti yebhola ekhatywayo neyomanyazi (Netball) – imidlalo egcina abantwana
bangathu sa ezitalatweni. Ngoku bazakuhlala nephilile emzimbeni nasengqondweni
kwaye lo nto izakuba nefuthe emsebenzini wabo,” utshilo uMnqekeza.
Abantwana abadlala
ibhola ekhatywayo bachithe ixesha elingaphaya kweyure befundiswa izinto
ezibalulekileyo ebholeni nguMayo noSeptember. UMTN unethemba lokuba ukuziza
kwakhe abantu ababedlala ibhola ngaphambili kwakuthi kube yinkuthazo
ebantwaneni abasafuni ukuziqaqambisa ebomini. Umyalezo wakhe uMTN ubusithi:
Akukho nto engenakwenzeka ebomini.
Amakhosi akrolonqwe ngenduku yiMamelodi Sundowns yathatha indebe!