UThabo September ukhetha iqela eliza kuthatha iMTN 8

UThabo September negosa lakwaMTN xeshikweni eyophisa ngezinto zebhola eNobhotwe Primary, eMdantsane, kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Pedro Mapelo/ANA

Ngentsimbi
yesixhenxe ngorhatya langoMgqibelo, amaqela amabini aphambili kwibhola yelizwe
loMzantsi Afrika, iSuperSport United neCape Town City, aza kulwela indebe yeMTN
8 kumdlalo ekulindeleke utsale umdla wabantu abaninzi ozakube useMoses Mabhida
Stadium. Iqela eliphumeleleyo liza kugoduka nendebe ekhatshwa zizigidi ezisibhozo
zerandi (R8-million). Umdlalo weSuperSport neCity uza kubanzima macala omabini
ngoba iCity iya emdlalweni ifuna iziphumo ezingcono kunonyaka ophelileyo emva
kokubethwa yiSuperSport United eziintshatsheli eziselayo. Igqala lebhola
ekhatywayo elalidlalela Amatsatsantsa a Pitori, uThabo September, lincokole
neli phephandaba eMdantsane kutshanje – apho lithe ladiza khona elona qela licinga
ukuba linethuba elihle lokuphakamisa indebe.Image may contain: 6 people, people smiling, people standing

“Indebe
ndiyinika iSuperSport United ngaphandle kwamathandabuzo. Khumbula iSuperSport
yakhe yabethwa yiCape
Town City

kwilinge layo lokuphumelela indebe yokuqala. Kwisizini egqithileyo aphinde
adibana la maqela kumdlalo wokugqibela weMTN 8. Kuba iSuperSport ibethiwe
yiCity kule sizini – lo nto yenza baye emdlalweni bengadeleli kwaphela.
Kunokwenzeka iCity iye kwiSuperSport inayo la nto eyinika ithemba kuba seyike
yaphumelela. Ukuba kunjalo, ingayinceda lo nto iSuperSport. Ndithi indebe iya
kwiSuperSport ngenxa yamava enawo kwimidlalo enje ngale. Idlale into ephaya
kwishumi lemidlalo yamagqibela kankqoyi kwiminyaka elishumi. Bakhona abadlali
abanamava futhi akukho mfuneko yokuguqula indlela elidlala ngayo iqela”

Image may contain: 13 people, people smiling, outdoor

Olu
luvavanyo lokuqala lukaKaitano Tembo ukusukela mhla wanikwa uxanduva lokuba
ngumqeqeshi oyintloko weSuperSport United. UTembo wathatha iintambo
njengomqeqeshi obambeleyo emva kokulahla kuka-Eric Tinkler kwisizini
egqithileyo. USeptember uxelele I’solezwe lesiXhosa okokuba uTembo usifanele
isikhundla akuso ngoku ngoba uyazi ncakasana indlela esebenza ngayo iSuperSport
United emva kokuyisebenzela iminyaka emininzi. UThabo September noPatrick Mayo
bebeyinxalenye yephulo likaMTN obeyophisa ngempahla yebhola eNobhotwe Primary
School, eMdantsane, kwiveki ephelileyo.