Yinkunkuma yodwa eBuhlanti!

UMASIPALA wesixeko esimbaxa iBuffalo City uthi isiza esitsala abakhenkethi ngakunxweme iEastern Beach eMonti, esaziwa ngokuba kuseBuhlanti, yenye yeendawo ezithandwa kunene kulo masipala – kodwa abanye abantu abayi kuba “singcolile”.

“EBuhlanti yeyona ndawo ithandwa kakhulu luluntu olutyelela eMonti, kodwa bakhona abantu baseMonti abangayiyo eBuhlanti ngenxa yokuba kungcolile, kwaye unobangela woko sithi thina bantu,” utshilo uNosifundo Skweyiya wecandelo elijongene nokucholwa kwenkunkuma eBCM.

USkweyiya ebethetha eEastern Beach kwimpelaveki esiyishiya ngasemva ngethuba inkampani yeziselo ezingenagwele iCoca Cola Beverages South Africa ibibambe iphulo lokucoca olu nxweme lolwandle.

Oku bekubanjwe njengenxalenye yosuku lwehlabathi lokucoca amanxweme olwandle (International Coastal Cleanup Day) olubanjwa rhoqo ngomhla weshumi elinesihlanu kweyoMsintsi.

USkweyiya uthi bayazenza iinzame zokucoca esi sixeko, kodwa kukho abo bangancedisaniyo nomasipala. “Phaya eBuhlanti abasebenzi bethu bayacoca, kodwa kukho abantu abavele balahle inkunkuma yezo zinto bagqiba kuzisebenzisa, nto leyo eyenza kungcole,” utshilo uSkweyiya.

Umanejala wesithili kwaCoca Cola Beverages South Africa eBuffalo City, uAllan Long, uthi bagqibe kwelokucoca iEastern Beach kuba yenye yeendawo ezingacocekanga eMonti, kodwa ethandwa kunene ngabakhenkethi nabo bezoyolo.

ULong uthi inkampani yabo yenza iimveliso ezibangela ungcoliseko lwendalo xa abantu bengasebenzisi imigqomo yokulahla inkunkuma, watsho esithi le nkampani ifuna ukwenza iimveliso ezingazukuba nefuthe kungcoliseko lwendalo ngonyaka ka2020.

USkweyiya kwanoLong bakholelwa kwelithi xa kungatshintsha umntu omnye, ngokuthi azixelele ukuba usebenzisa umgqomo xa eza kulahla inkunkuma, indalo kwanoqoqosho zingazuza okuhle kakhulu.