UMaseti watsalwa ngumdlalo omhle kwiDowns

zaza maseru

I’solezwe lesiXhosa lincokole nomlandeli weMamelodi Sundowns ogama linguMzameli “Zaza” Maseti. Le ndedeba yaseMdantsane ikhalela iMTN 8 – kodwa inethemba lokuba iDowns iyakuthi ikwazi ukuyikhusela indebe yePSL.

Nondwe Tyilo: Leliphi iqela olilandelayo kwiPSL?

Zaza Maseru: YiMamelodi Sundowns. Ndibathanda bonke abadlali kodwa uTiyani Mabunda ngoyena uphambili kum.

NT: Watsalwa yintoni kwiSundowns?

ZM: Ndaqala ukuyilandela ngo1992, mhla kwakudlala iBP Top 8. Kulapho sabethwa yiKaizer Chiefs ngenqaku eqandeni, indlela ababedlala ngayo ukugcina ibhola, ihamba phantsi ukusuka emva ukuya phambili – yeyona nto eyanditsalayo. Hayi le nto umntu asuke akhabele phambili.

NT: Anikabethwa kwimidlalo yePSL, ingaba uziva njani ngezemidlalo eningayiphumelelanga?

ZM: Ukungabethwa kona kundivisa kamnandi kakhulu. Ukudlala ntanganye kona akundikholisi ncam. Owam umnqweno kukufumana amanqaku apheleleyo.

NT: Yintoni oyinqwenelayo kwiDowns emva kokuphuma kwiChamps League?

ZM: Ukukhusela indebe yePSL ngowona mnqweno ophezulu endinawo.

NT: Unalo ithemba lokuba iDowns ingayikhusela indebe yePSL kule sizini?

ZM: Singakwazi ukuyikhusela indebe yePSL. Okundenza ndicinge njalo kukuba sisemva ngemidlalo kwaye sikwindawo yesixhenxe. Noko asikudanga kakhulu. Ukufumana nje kwethu amanqaku apheleleyo kule midlalo sisemva ngayo, kuya kusibeka endaweni entle kakhulu kwaye abadlali bethu abatsha ooSilva Meza noMaboe bayaswabuluka ngoku, bayangena kwisingqi somdlalo weSundowns.

NT: Zeziphi iindebe ozijonge ngamehlo abomvu kule sizini?

ZM: Eyona ndebe ebendiyinqwenela kakhulu yiMTN 8. Isiphuncukile, ngoku indebe yePSL yeyona ndiyijonge ngamehlo abomvu kwaye ndinalo ithemba lokuyifumana kwakhona.