Ziyawa ngempelaveki kwiTelkom Knockout!

Nakubeni kusekho ukudandatheka kweentliziyo eNaturena – kodwa kunyanzelekile abadlali bazixolise ngokuba bajongene nomnye umdlalo obalulekileyo.

Amakhosi angquzulana neSuperSport United kumdlalo obalulekileyo weTelkom Knockout oza kube useMoses Mabhida Stadium ngo’15:00 ngeCawe.

Kudibana oomakad’ezondana kulo mdlalo; iKaizer Chiefs ifuna ukuziphindisela emva kokuba yabethwa yiSuperSport kwiMTN 8.

Ukubethwa kweChiefs kwathetha ukuthi lisekhona ichaphaza lokungabikho kweendebe eNaturena – yinto leyo engahlali kakuhle kwaphela kubalandeli.

Utshaba olukhulu leChiefs, uBradley Grobler, liza kuphoswa ngumdlalo ngenxa yokonzakala. Isipani sikaKaitano Tembo saphukile ngoba noDean Furman ngeke abekho ngenxa yokonzakala.

UGiovanni Solinas kunyanzelekile abakhuthaze abadlali emva kokubethwa yiOrlando Pirates ngo’2-1 kutshanje.

Umdlalo ngeke ube lula ngoba iSuperSport liqela eliqhuba kakuhle kakhulu kwimidlalo yeendebe. Kodwa ukungabikho kwabadlali ababini, kuza mnyanzela uTembo axhathise ngamadoda afana noReneilwe Letsholonyane, uJames Keen noEvans Rusike.

Kubalulekile uSolinas adlulele kumjikelo olandelayo kwiTelkom ngokuba ukuba ingabethwa iChiefs, kunokwenzeka konakale ubudlelwane bakhe nabalandeli abangonwabanga. Komnye umdlalo, iMamelodi Sundowns iya eLimpopo – apho indwendwela iBaroka FC kumdlalo oza kube usePeter Mokaba Stadium ngo’15:00 ngoMgqibelo.

AmaSandawana aya kwiBaroka ekhuthazekile emva kokubetha iChippa United kumdlalo obuseMonti.

AmaZulu FC, abethe iCape Town City kumdlalo wokuqala kwiTelkom, amkela iOrlando Pirates enyathelela phezulu emdlalweni oza kube useMoses Mabhida Stadium ngo’18:00 ngoMgqibelo.

Iqela likaMicho lizithembile emva kokubetha iChiefs. Kanti AmaZulu aneentliziyo ezophayo emva kokucanjalaliswa yiCity ngo’3-0 kutshanje.

Nangona ukuqhuba kakuhle kwimidlalo yePSL iyeyona nto ibalulekileyo kuCavin Johnson – kodwa ukubetha iPirates yinto enokubakhuthaza kakhulu abadlali bakhe.

Ebusuku ngo’20:00, iMaritzburg United iza kuvan’amandla neBidvest Wits kumdlalo okulindeleke utake iintlantsi eHarry Gwala Stadium.

IWits ijonge ukuyikhusela indebe yayo eyiphumelele kunyaka ophelileyo.