Iza kuvulwa imizimveliso eyavalwayo eMpuma Koloni

Imifanekiso : Anele Raziya

UMongameli  wombutho weAfrican National Congress, uCyril Ramaphosa, akayithandi into yeMpuma Koloni esoloko isemsileni xa kubhengezwa iziphumo zebanga leshumi kuzwelonke.

URamaphosa, ethetha nabaxhasi beANC ngexesha egaya inkxaso kwibala lezemidlalo eMsobomvu eGcuwa namhlanje, uthe iMpuma Koloni mayibuyise isidima sayo kwezemfundo.

“Andiyithandi into yokubona iMpuma Koloni isoloko isemsileni kwiziphumo zebanga leshumi kodwa lelona phondo elivelise iinkokheli ezibalekayo,” kutsho uRamaphosa.

Uthe eli phondo laliqhuba kakuhle kwezemfundo kwiminyaka yangaphambili.

Uthe urhulumente weli utyale imali eninzi kwimfundo kwaye ucela umngeni iMpuma Koloni ukuba ibuyele kwindawo eyayifudula ikuyo kwimfundo yeli.

Kule minyaka mihlanu ilandelayo urhulumente uza kunikezela ngeekhompyutha ezincinci eziphathwayo (tablets ) kubantwana besikolo ukuncedisana nabo kwizifundo zabo.

Kwaye loo nkqubo yonikezelo uRamaphosa uthe iza kuqala kwezi ndawo zisemaphandleni kuba abantu abahlala kuzo ngabona basokola kakhulu xa uthelekisa nezinye.

OkaRamaphosa ukwathethe nangendlela abaza kuvelisa ngayo amathuba emisebenzi kule minyaka mihlanu.

Uthe kukho imali engange300 billion etyalwe ngabatyalizimali kwilizwe loMzantsi Afrika.

“Kwiinkomfa zorhwebo ebesimane sizibamba sikwazile ukuzuza imali engange300 billion kwaye siza kuyisebenzisa ukuvuselela imizimveliso eyavalwayo,” uqhube watsho.

Imizimveliso eseDimbaza, Fort Jackson eMonti kunye neseGcuwa uthe iza kuvuselelwa ngale mali ukuze abantu bafumane imisebenzi.

Kwisicwangciso sabo uthe bafuna ukuqinisekisa ukuba ulutsha luyaxhamla kula mathuba wemisebenzi njengoko uninzi lwalo lungaphangeli.

Kwabo baneminyaka eqabeleyo kumashumi amathathu anesihlanu, uthembisile ukuba nabo baza kuvulelwa awabo amathuba emisebenzi ngurhulumente weANC

Umcimbi wokunqaba kwamanzi kwiindawo ezifana neGcuwa nezinye ephondweni, ukufakelwa kombane, nemeko yeendlela ezimaxongo – zonke ezo zinto zikwisicwangciso sabo kule minyaka mihlanu.

Ulebele ngelithi baza kuqhuba ukulwa norhwaphilizo kurhulumente kuba liqhwalelise ilizwe loMzantsi Afrika kule minyaka idlulileyo.