UPep Guardoila uthi bekunzima kakhulu ukuphumelela iPremier League

Manchester City's Vincent Kompany on stage with the trophy during the celebrations at the Etihad Stadium after securing the Premier League title earlier in the day with their win at Brighton and Hove Albion.

Izincomo zivela
macala onke emva kokuba uPep Guardiola encede iManchester City
ebeziintshatsheli zePremier Leugue kwisizini ka-2018/19. Emalanga ngeCawe
edlulileyo, iManchester
City
iphumelele indebe
yePremier League okwesibini amatyeli elandelelana phantsi kukaGuardiola emva
kokuvuthulula iBrighton eqale yatsazisa igazi ngamagowuli amane kwelinye (4-1).
Ngaloo ndlela, yaba sisiphelo sokhuphiswano obelunzima phakathi kweCity
neLiverpool ebethe iWolves ngo’2-0. Impumelelo kaGuardiola iqaqambise ngakumbi
umsebenzi wakhe njengomqeqeshi eYurophu. Kwiisizini ezilishumi, ngoku umqeqeshi
weManchester City uqhayisa ngesibhozo sonke seendebe
ezibalulekileyo azifumene kwiPremier League, iLa Liga nakwiBundesliga.

Isizini esongwe
ngeCawe, ibonwa ngokaGuardiola njengeyona yakhe yanzima kwikhono lakhe njengomqeqeshi
emva kokusokoliswa yiLiverpool ebezimisele ukuyiphumelela indebe yePremier
League nayo. “Kubalulekile ukuyincoma iLiverpool futhi ndithi kuyo enkosi –
ngoba ikwazile ukusityhalela kwelinye inqanaba elingasentla. Mhle kakhulu
umsebenzi esiwenzileyo. Siwunyusile umgangatho – kodwa sincedwe yiLiverpool
ukuze siyiphumelele indebe okwesibini. Kuye kwanyanzeleka okokuba singaphulukani
nawo namnye umdlalo endleleni. Le isizini yeyona yakhe yanzima kum ukusukela
oko ndaqala ukuqeqesha,” utshilo uGuardiola ethetha neSky Sports.

Nangona iLiverpool
ikwazile ukuzuza impumelelo emdlalweni wayo wokugqibela – kodwa ayikwazana
ukuyifumana eyona ndebe ibalulekileyo eNgilane eyagqibela ukuyiphakamisa
ngo-1990. ILiverpool iya kuzixolisa ngokuphumelela iChampions League eza
kudlala kuyo neTottenham ngomhla wokuqala kwinyanga yeSilimela, (01/06/2019). Umdlali
obephakathi kwabathathu abafake amagowuli amaninzi kwi-EPL, uMohamed Salah,
uxelele amajelo endaba okokuba iqela lakhe lakuphinda lizame kwilixa elizayo. “Siphulukene
nomdlalo omnye kuphela kwisizini yonke. Besizimisele kakhulu, yiyo lo nto
sikwazileyo ukuqokelela amashumi alithoba anesixhenxe amanqaku. Sakuphinda
sizame ukulwela indebe kwisizini ezayo,” utshilo uSalah emva komdlalo ngeCawe.