Inkanga ide yetha nasentolongweni

Kulaa ncwadi kabawo uMesatywa isihloko sithi “Izaci namaqhalo esiXhosa,” kukho qhalo libhaqeka kwiphepha lama194 nelithi: “Akukho nkanga idubul`ingethi.”

Intsingiselo yeli qhalo isekubeni kulo mhlaba siphila kuwo umagad`ahlabayo, akukho nto isisimakade. Inkanga ithi xa idubula kufuphi nasekupheleni konyaka, itsho ngobuhle obuyokoyoko obubiza iintaka zikude, burheshe iinyosi zithe qelele, bude butsale namehlo omhambi ngenxa yobuhle bayo.

Ubani unokuthi xa eqwalasele obo buhle, atyaphe akholelwe kwelithi bubuhle obungapheliyo nobungabuniyo, kanti ke ithi isongeka inyanga yoMnga yokuphela konyaka, bube obo buhle benkanga bukhangeleka bubhange bathi shwaka nokwetha kwayo.

Nindiva ndicamngca ndihlomla ngobu buhle benkanga bungabuniyo nje kukuba kumhla weshumi kule nyanga kaCanzibe, kusuku lwesibini emva konyulo olubonakalise impumelelo kumaqela afana noKhongolose nelo lolutsha lwe-EFF, ukanti lukwadanise lothusa abaninzi nakweminye imibutho, ndiye ndagagana nento ekukudala indihleli engqondweni, nto nje kungekho lula ukuyicubungula, kuba kaloku siphila kwilizwe lenkohlakalo.

Kule mihla uthi umntu xa egxeka ekwancoma indlela eqhubeka ngayo into, ngeenjongo zokuba makulungiswe ukuze kufananwe, asuke athunyelwe izigrogriso zokumcima igama nentsapho yakhe.

Le nto sele kukudala izinga engqondweni yam nendlela eyenzeka ngayo, ngumba wokuphila ubomi boncuthu kwamabanjwa avalelwe ezintolongweni kweli lizwe loMzantsi Afrika.

Xa bendityelele, phofu ndimenyelwe ukuya kuhlela iimviwo zesiXhosa nezeMfundo eBandakanyayo (Inclusive Education), kwelinye lamaziko oluleko endingazi kulibiza ngagama, kwiphondo endingazi kulibiza ngagama nalo, ngenxa yemithetho enyina lowo ubhalayo ekubeni angawakhankanyi amagama athile ngaphandle kwemvume, ndibone ndaze ndabukela imeko ebendingayilindelanga.

Ndithe emva kokubeka isithuthi somsebenzi kwindawo endiyalathelweyo phambi kwalo mzi ugcina amabanjwa, ndafika kumi esangweni abazali abangamatshantliziyo abakwisithuba seshumi, bexoxa, kambe bexambulisana negosa ebelisamkela uxwebhu lwezikhalazo zabo.

Lithe lisafundela ngaphakathi eli gosa, kwatsho imikhwazo isithi, “Phambili ngomakufanwe nomakulinganwe phambili!” Wadanduluka omnye kwaba bazali walandelwa lelo qela belikho, nam ndangenelela kuba ndilinxila lengoma, savuma sisithi, “Asinavalo, asinavalo, sisebenza kanzima!”

Owona mba ubuphambili kwaba bazali usukela kumazwi omphathiswa uMasutha athi, “kutsha nje kwiintolongo zoMzantsi Afrika, babalelwa kuma835 abafundi abenza izifundo zabo zeBakala le12, bafundi abo bafunda simahla ezintolongweni.”

Umphathiswa uqhubekeke wathi, “amalunga nama291 amabanjwa asele ebhalisele imfundo enomsila kwiiYunivesithi zoMzantsi Afrika.”

Naba bantakwethu okanye oodadethu ke, baza kufunda mahala kuba imfundo yabo iza kuhlawulelwa liSebe lezoLuleko, mali leyo isuka kubahlawuli berhafu.

Ndithe xa ndiqwalasela, ndafumanisa ukuba isizekabani sokukhala kwaba bazali sikulo mba wokufunda simahla kwabo bafundi baseluvalelweni kwiintolongo zoMzantsi Afrika. Kudanduluke ngengoma omnye kubo okhangeleka esemtsha, enganxibanga kulo mzimba ungasentla, koko esuke wazibhala ngemibhalo ethi, “Xa intlawulo isiwa ezintolongweni, mayiwe nakumaziko emfundo angaphandle.”

Ndimncinile akugqiba ukucula lo mfo, waphawula ngelithi, “mhlekazi, siyayincoma into entle eyenziwa ngamaziko oluleko kulutsha lwethu, kuba bambi kubo babanjwa bezizaphulimthetho nezigwinta, kodwa baphuma apha becolekile. Ukucoleka kwabo ke kuhambisana nemfundo abayifumana simahla ngeli lixa thina bangekho zintolongweni sisebenza nzima ukuze iintsana zethu zifumane imfundo, sitsho sisazi ukuba imfundo yeyona nto inexabiso eliphezulu kubomi bale mihla.”

Eli qhawe loleke ngelithi, “abantu abasentolongweni babonakala benamalungelo angaphaya kwalawo axhamlwa ngabo bangaphandle kwentolongo, kuquka nokungahlawuleli ndawo yokuhlala, iinkonzo ezifana nombane, amanzi, ukuthuthwa kwenkunkuma, ukutya, ezonyango kwanemfundo.”

Inkonde ebiphakathi kweli qela idanduluke isithi, “athini ke ukungandi umhla nezolo amanani abantu abavalelwe ezintolongweni xa bephila ubomi obumnandi ngaphezu kobo buzele ziintlungu basentlalweni?”

Kukhangeleka ngathi umntu onyamezela ubunzima bangaphakathi entolongweni, unakho ukuphuma ewafezekise ngokwaneleyo amaphupha akhe.

Olo ke ibe luluvo lweqela ebeliye kuzibuzela ngemeko yemfundo yasimahla kumaziko oluleko.

Ndiyiyekela kuni ke mawethu, mna indishiye ndikhamisile, kangangokuba ndisadla amathambo engqondo kunanamhlanje!