Uhamba i1000 km esiya eNgqamakhwe

UOrrock Robertson ukuhambo lweekhilomitha eziliwaka ukusuka eGoli esiya eNgqamakhwe UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UTHABATHE isigqibo sokuhamba ngeenyawo iwaka leekhilomitha (1000km) ukusuka eGoli ukuya eNgqamakhwe ngeenjongo zokuqaqambisa ukuba basekho ootata abafuna ukuba kufuphi nabantwana babo nokuba sele kungekho mvisiswano kubudlelwane phakathi kotata nomama.

Lowo nguOrrock Robertson onduluke eGoli ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kuTshazimpuzi, usuku (Parental Alienation Awareness Day) lokunika ingqwalasela kwabo bafaka umoya ombi ebantwaneni bebanyanzela ukuba mabathande owuphi umzali okanye awaphi amalungu osapho.

URobertson, wombutho iChildren Need Both Parents, utshate nomfazi ongumXhosa ongcambu zakhe ziseNgqamakhwe. Sithetha nje uquqa ebuyela enkundleni efuna kuphunyezwe umthetho wokwenza ibe lulwaphulomthetho ukufaka umoya ombi emntwaneni.

Oku kuza emva kokungavisisani nomfazi wakhe, ze umfazi wangqinga umntwana ukuba angadibani noRobertson.

Ngolu hambo lwakhe, uRobertson uthi ukwafuna ukunyusa ingxowamali yeChildren Need Both Parents, ukuze liqhubele phambili idabi lokulwela ootata abavinjwa abantwana babo ngoomama babantwana, ibe indoda ingaxabenanga namntwana futhi kungekho zimpawu zokuxhaphaza umntwana kuyo.

Ukumtsalela kwethu umnxeba ebedlula eVirginia, idolophana yaseFreyistata. Apha endleleni uziphethele ukutya kwanezinto zokulala. Maxa wambi ulala emadotyeni maxa wambi kwimizi yeendwendwe.

“Imbangi yolu hambo lwam luya eNgqamakhwe kukuba umfazi wam ongumXhosa unabazali abasuka eNgqamakhwe. Ndifuna ukucacisela abazali bakhe ukuba akukho nto imbi ndiyenzileyo, kukho ukungavisisani nomfazi kodwa ayithethi lo nto ukuba kufuneka ndibe kude nomntwana wam,” utshilo uRobertson okwanolwazi oluphangaleleyo ngolwimi lwesiXhosa.

Uthi ukuqala kwakhe bekunzima ehamba nje kuphela amashumi amabini eekhilomitha (20km) ngosuku, kodwa ngoku uthi iinyawo ziswabulukile – uhamba into engaphaya kwamashumi amathathu anesihlanu eekhilomitha (35km) ngosuku.

“Ndikwafuna nokonyusa ingxowamali yeChildren Need Both Parents.”

URobertson ufake amaxwebhu kwinkundla yoMgaqo Siseko, efuna ukuba kuthathwe njengolwaphulomthetho ukufaka umoya ombi emntwaneni, uthi uqaphele ukuba kukho amakhosikazi aliqela ankonya abantwana – babe ootata babantwana bengenzanga nto emntwaneni.

“Andinaso isisombululo malunga neengxaki ezijongene neentsapho kodwa ndicinga ukuba xa sibambene siziintsapho singazilwa ezinye zeengxaki esijongene nazo. Ndizibuza umhla nezolo ukuba urhulumente waseMzantsi Afrika kutheni engade ayenze into eza kujongana nabantwana ncakasana.

“Le yokuba abantwana bajongane namapolisa kwakunye noonontlalo kwaneenkundla ayincedi tu,” kutsho uRobertson.

“Kutheni le nto sinamakhosikazi aliqela eMzantsi Afrika agcine abantwana engafuni badibane nootata babo, babe bengekho semngciphekweni okanye bengazange baxhatshazwe ngootata babo? Kutheni?” kubuza uRobertson.

“Kuba le nto ibangela ukuba sikhulise abantwana bekwingxingongo yoxhatshazo ze nabo baxhaphaze abanye xa sele bekhulile.”

Uthi kuhambo lwakhe uza kukhe aphumle kowabo eBarkly East, kwaye uqikelela ukuba uza kufika phakathi komhla weshumi elinesithandathu namashumi amabini kweyeSilimela.