Iqela elikwiMotsepe League kuphiswe ngalo ebahlalini eChris Hani!

Lusapho Mzwakali ethetha neentatheli. Umfanekiso: Anele Raziya

ULusapho
Mzwakali uphise ngeqela lakhe elidlala kwiABC Motsepe League, Amavarara FC,
ebahlalini baseChris Hani ukuze balilawule ngokwabo kule minyaka ilandelayo. Ukwenze
oku kuba esithi ixesha lakhe lifikelele esiphelweni njengomnikazi weqela kwaye
nephupha ebenalo lifezekisekile. Amavarara FC aqale ukudlala kwiABC Motsepe League
kwisizini ephelileyo evalwe ekwindawo yesixhenxe phantsi  kwesandla sikaMzwakali.
Udibene neqela ngo-2012 lisadlalela amacala egusha libhenja emidlalweni yasekuhlaleni.
Ngelo xesha, wayenephupha lophuhliso kodwa engayithandi nento yokunqaba kwabantu
abafundileyo endaweni akhulele kuyo.

Encokolela
I’solezwe lesiXhosa, uMzwakali uthe wazixelela ukuba uza kuphuhlisa Amavarara
FC ancede nolutsha laseChris Hani elifuna ukuya kumaziko wemfundo ephakamileyo.
“Ndazimanya neqela ngenjongo zophuhliso nokhuthaza ulutsha ukuba luye
esikolweni,” utshilo uMzwakali. Amavarara FC anabadlali abangamgqwetha
aphuma eWalter
Sisulu University abanye benezidaga zaseKing Sabatha Dalindyebo FET
College
. Bebonke abadlali
abafumene iizidaga ngexesha uMzwakali exhuzula imikhali eqeleni, balishumi
elinesixhenxe. Amavarara aneenkomo ezilithoba aziphumelela phambi kokuya
kwiMotsepe League. Zonke ezo nkomo zisekhona kwaye ezinye sezide zazala
amathole. 

UMzwakali
ulibona iqela likhule ngaphezu kokuba ebefuna, eyona nto emenze wathatha
isigqibo sokuphisa ngeqela emahlalini. Unobangela wokuba angalithengisi iqela
uthi naye zange alithenge. Wafika abantwana bezidlalela bezithiye negama elithi
Amavarara FC. Yena wafika wancedisa, qha. Kodwa nangona enikezele ngeqela useza
kuqhubela phambili nokusebenzisana ukuba uyalelwa njalo ngabahlali.