Livuyela impumelelo iqela lomnyazi laseLuthuthu

Ibhola yomnyazi (Netball) ayixhaphakanga ezilalini nangona ekhona amantombazana anomdla kuyo.

Abaninzi bafumana ithuba lokuyidlala ezikolweni kuphela ngoba akukho ndlela yokuyidlala ezindaweni abahlala kuzo.

Ukuswela izixhobo zokudlala kuvimbe amantombazana amaninzi ithuba lokudlala kwanqaba nophuhliso lwebhola yomnyazi kwiindawo zabantu abamnyama. Inani labadlali abamnyama kwiqela lesizwe, iProteas, abaza kumela uMzantsi Afrika liyibhenca ngokupheleleyo into yokungadlalwa kakuhle kwebhola yomnyazi kwiindawo ezininzi eMzantsi Afrika. Kodwa wona amantombazana aselula ngeminyaka elali yaseLuthuthu, azimisele ukuwudlala umnyazi.

Nangona ilali yaseLuthuthu, eMthatha, yayifudula isaziwa ngezinto zolonwabo nebhola ekhatywayo kwiminyaka yakudala – kodwa ezo zinto zayekwa lulutsha ngenxa yokuswela inkxaso.

Phakathi kuka2001 no2005, ulutsha lazibandakanya kakhulu kwiikwayala zomculo wegospile kodwa naleyo into yaphelela emoyeni ngenxa yezizathu ezahlukeneyo. Noxa ibhola ekhatywayo isekhona kodwa akukho nkqubela kuyo ngoba ulutsha lazohlula langamaqela amaninzi ngenxa yochuku.

Ngoku kukho iqela lomnyazi eLuthuthu ekudlala kulo amagqiyazana afana noZoliswa Nqoloba, uNokhanyo Nyingindwe, uLiyolise Nyingindwe, uSimamkele Gobo, uWandisa Mkhotheli, uAmbesa Mangqasana, uNolwando Simanga noWelamaza Simanga.

Lawo ngamantombazana azimisele ukuphakamisa indawo yawo ngokudlala ibhola yomnyazi. Imimoya yawo iphezulu emva kokuba ephumelele ikiti kwitumente ebiququzelelwe ngabalimi bakwaNtinga kwiveki ephelileyo eViedgesville. Amaqela athathe inxaxheba yiLuthuthu, iViji, eMabheleni neQunu. Onke aphuma kwaWadi 32.

ILuthuthu ivuthulule iViji phambi kokubetha iQunu ngo’21-11 emdlalweni wokugqibela. “Kusivuyisa kakhulu ukuphumelela kwethu. Sobe siyeke ukudlala. Into esikhathazayo kukuba zikude iindawo esidlala kuzo. Ingase kubekho indawo ekufutshane. Sirhalela ukuba liqela lomnyazi eliphumelelayo ukuze sikwazi ukukhula nathi saziwe ngabantu. Sifuna ukuduma nathi,” utshilo uKapteni, uNolwando Simanga.